1
I‐Duteronomi 7:9
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Yazi ke ngoko, ukuba UYEHOVA, UTIXO wako, nguye ONGUTIXO, lowo UTIXO unyanisekileyo, obagcinela ucebano nobubele abamtandayo nabayigcinayo imiyalelo yake, kude kube liwaka lezizukulwana
Thelekisa
Phonononga I‐Duteronomi 7:9
2
I‐Duteronomi 7:6
Ngokuba ningabantu abangcwele nina KUYEHOVA, UTIXO wenu: nina uniqashile UYEHOVA, UTIXO wenu, ukuba nibe ngabantu abanqabileyo kuye, ngapezu kwabo bonke abantu abasebusweni bomhlaba.
Phonononga I‐Duteronomi 7:6
3
I‐Duteronomi 7:8
kungenxa yokuba UYEHOVA ebenitanda, nokuba ebeya kugcina isifungo owabefungele oyihlo benu ngaso, anipumisileyo UYEHOVA ngesandla esomeleleyo, wanikulula endlwini yobukoboka, esandleni sika‐Faro ukumkani we‐Jipete.
Phonononga I‐Duteronomi 7:8
4
I‐Duteronomi 7:7
Akungenxa yokuba baninzi kwenu ngapezu kwabo bonke abantu, anamatele kuni UYEHOVA, waniqasha; ngokuba nibe ningabancinane kubo bonke abantu
Phonononga I‐Duteronomi 7:7
5
I‐Duteronomi 7:14
Uya kutanyusanqelwa pezu kwabantu bonke; akuyi kubako pakati kwenu udlolo nodlolokazi, napakati kwenkomo zako.
Phonononga I‐Duteronomi 7:14
Home
Bible
Plans
Videos