Wathi uSawule kubakhonzi bakhe, Ndikhangeleleni inkazana enomoya wabafileyo, ndiye kuyo, ndibuze kuyo. Bathi abakhonzi bakhe kuye, Nankuya umfazi e-Enedore enemimoya. uSawule wazenza mntu wumbi, wambatha ngubo zimbi, wahamba enamadoda amabini, baya kufika kuloo ntokazi ebusuku; nyuka, ndikubize.