Bakubon’ ukuba ke ngoko, bakubon’ ukuba bahlanganisene ndawonye namadoda amakhulu, babhunga, bawanika imali eninzi amasoldati lawo, besithi, Yithini, Beza ebusuku abafundi bakhe, bamba silele. Nokuba ithe yavakala le nto kwirhuluneli, thina soyithomalalisa, senze ningabi naxhala. Ayithabatha ke imali leyo, enza njengoko abexelelwe ngako. Laza elo zwi laduma kumaYuda, kwada kwanamhlanje.