1
IsiThyilelo IsiThyilelo 3:20
Contemporary Xhosa Bible 2024
Yabona, ndimi emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye, naye adle nam.
Thelekisa
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 3:20
2
IsiThyilelo IsiThyilelo 3:15-16
Ndiyayazi imisebenzi yakho, ukuba akubandi, akushushu; akwaba uyabanda, ungeshushu. Ngenxa enokuba ke udikidiki, ungabandi, ungeshushu, ndiza kukuhlanza uphume emlonyeni wam.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 3:15-16
3
IsiThyilelo IsiThyilelo 3:19
Mna, bonke endibathandayo ndiyabohlwaya, ndibaqeqeshe; zondelela ngoko uguquke.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 3:19
4
IsiThyilelo IsiThyilelo 3:8
Ndiyayazi imisebenzi yakho. Yabona, ndimise phambi kwakho ucango oluvulekileyo, akukho namnye unako ukuluvala; kuba uthe, unamandla amancinane, waligcina ilizwi lam, akwalikhanyela igama lam.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 3:8
5
IsiThyilelo IsiThyilelo 3:21
Lowo weyisayo, ndiya kumvumela ukuba ahlale nam etroneni yam, njengokuba nam ndeyisayo, ndaza ndahlala phantsi noBawo etroneni yakhe.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 3:21
6
IsiThyilelo IsiThyilelo 3:17
Ngenxa yokuba uthi, Ndisisityebi, ndizityebisile, andiswele nto; ube ungazi ukuba uludwayinge, ulusizana, ulihlwempu, uyimfama, uhamba ze
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 3:17
7
IsiThyilelo IsiThyilelo 3:10
Ngokuba uligcinile ilizwi lomonde wam, nam ndiya kukugcina, ndikusindise kwilixa lokulingwa, eliya kulifikela lonke elimiweyo, ukulinga abo bemiyo phezu kwehlabathi.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 3:10
8
IsiThyilelo IsiThyilelo 3:11
Yabona, ndiyeza kamsinya; kubambe nkqi oko unako, ukuze kungabikho namnye usithabathayo isithsaba sakho.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 3:11
9
IsiThyilelo IsiThyilelo 3:2
Phapha, uzizimase izinto eziseleyo eziza kufa; kuba andiyifumananga izalisekile imisebenzi yakho phambi koThixo.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 3:2
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo