UYEREMIYA 6
6
Ungqingo lweYerusalem
1Sabani, nyana bakaBhenjamin, niphume phakathi kweYerusalem, naseTekowa, nivuthele isigodlo, niphakamise into iphakame phezu kweBhetehakerem; ngokuba ububi buyalunguza, buvela entla, nembubhiso enkulu. 2Umntwana omhle, umteketiswa, intombi enguZiyon, ndiyayitshabalalisa. 3Beza kuyo abalusi nemihlambi yabo, bagxumeka kuyo iintente zabo ngeenxa zonke; badla elowo endaweni yakhe. 4Yingcwaliseleni imfazwe; sukani nime, sinyuke emini enkulu. Athi ke thina! Imini iza kusangana, ngokuba amathunzi okuhlwa ayoluka. 5Sukani nime, sinyuke ebusuku, sizitshabalalise iingxande zayo ezinde.
6Ngokuba utshilo uYehova wemikhosi ukuthi, Yigawuleni imithi yayo, niyifumbele iYerusalem udonga lokungqinga; wona mzi wokuvelelwa, wonke uphela, unocudiso phakathi kwawo. 7Njengoko iqula liwampompozisayo amanzi alo, yénjenjalo ukumpompozisa izinto zayo ezimbi. Ukugonyamela nokubhuqa kuvakala kuyo; kuhleli kukho phambi kobuso bam isifo nesibetho. 8Yáleka, Yerusalem, hleze umphefumlo wam uziqhawule kuwe; hleze ndikwenze kube senkangala kuwe, ube lilizwe elingamiweyo.
9Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Baya kuwabhikica bawabhikice amasalela amaSirayeli, njengomdiliya; sibuyisele isandla sakho emagatyeni, njengomvuni weediliya. 10Ndiya kuthetha koobani na, ndiqononondise, beve? Yabona, àyaluswanga indlebe yabo, àbanako ke ukubaza indlebe. Yabona, ilizwi likaYehova libe liyingcikivo kubo, àbalinanzile.
11Ndizele bubushushu bukaYehova; ndidiniwe kubububamba. Bùphalazéle phezu komntwana esitratweni, naphezu kwembutho yamadodana kunye; ngokuba indoda kwanomfazi baya kubanjwa, amadoda amakhulu kwanabazele yimihla. 12Ziya kugqithela kubambi izindlu zabo, amasimi nabafazi kunye; ngokuba isandla sam ndisolula phezu kwabemi belizwe; utsho uYehova. 13Kuthabathela kwabancinane kwesa kwabakhulu, bonke bephela babawa bebawile; kuthabathela kumprofeti kwesa kumbingeleli, bonke bephela benza ngobuxoki. 14Bákuphilisa kalula ukwaphuka kwentombi yabantu bam, besithi, Luxolo, luxolo; kungekho luxolo. 15Baya kudaniswa, ngokuba benzé amasikizi; noko ke àbadani nokudana, àbakwazi ukuba neentloni; ngako oko baya kuwa phakathi kwabawàyo; ngexesha lokubavelela kwam baya kukhubeka; utsho uYehova.
Ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo
16Utsho uYehova ukuthi, Yimani ezindleleni, nikhangele, nibuze umendo ongunaphakade, ukuba yiyiphi na indlela yokulungileyo, nihambe ngayo; noyifumanela ukuphumla imiphefumlo yenu; báthi ke bona, Asiyi kuhamba ngayo. 17Ndamisa phezu kwenu ababoniseli, ndisithi, Libazeleni indlebe ilizwi lesigodlo; báthi ke bona, Asiyi kulibazela ndlebe.
18Ngako oko yivani, zintlanga; wazi, wena bandla, okubahlelayo. 19Yiva, hlabathi; yabona, aba bantu ndibazisela ububi, isiqhamo seengcinga zabo; ngokuba amazwi am abawabazelanga ndlebe, nomyalelo wam bawucekisile. 20Yeyani na ke le ntlaka imhlophe yakwaShebha iza kum, nekalamo• evumba limnandi yasezweni elikude? Amadini enu anyukayo akakholekile kum, nemibingelelo yenu ayimnandi kum. 21Ngako oko utshilo uYehova ukuthi, Yabona, ndibabekela izikhubekiso aba bantu, bakhubèke kuzo ooyise noonyana, ummelwane kunye nowabo, batshabalale.
22Utsho uYehova ukuthi, Yabona, kuza abantu bevela ezweni lasentla, uhlanga olukhulu, luxhoxhwa, luvele esinqeni somhlaba. 23Baqubulé isaphetha nenkcula; bazizijorha, abanamfesane; ilizwi labo ligquma njengolwandle; bakhwela emahasheni, bexhobe njengendoda yokulwa, ukukufikela wena, ntombi enguZiyon.
24Siluvile udaba lwaloo nto; ziwile izandla zethu; imbandezelo isibambile, ukuzibhijabhija njengozalayo.
25Musani ukuya emasimini, ningahambi ngendlela; ngokuba utshaba lunekrele, kunxunguphala ngeenxa zonke. 26Ntombi yabantu bam, bhinqa ezirhwexayo, uzigalele ngothuthu; menzele isijwili ozelwe wamnye, ukumbambazela okukrakra; ngokuba úya kusizela ngesiquphe umbhuqi.
27Ndikwenzé umcikidi phakathi kwabantu bam njengenqaba, ukuze uyazi uyicikide indlela yabo. 28Bonke bephela baziinjubaqa zazo iinjubaqa, behamba behleba; balubhedu nesinyithi, bonke bephela bayonakalisa. 29Itshé ngumlilo imfutho, isekupheleni ilothe; bafumana benyibilikisa banyibilikise; abenzi bobubi abahlengeki. 30Bayisilivere ecekisiweyo, ukubizwa kwabo, ngokuba uYehova ebacekisile.
Currently Selected:
UYEREMIYA 6: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.