UYEREMIYA 7

7
Intshumayelo esangweni letempile
1Ilizwi elafikayo kuYeremiya lalisithi, 2Yima esangweni lendlu kaYehova, umemeze khona eli lizwi, uthi, Liveni ilizwi likaYehova, nonke maYuda angénayo ngala masango, ukuba nimnqule uYehova. 3Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Zilungiseni iindlela zenu nezenzo zenu, ukuze ndinibeke kule ndawo. 4Musani ukukholosa ngamazwi obuxoki, okuthi, Yitempile kaYehova, yitempile kaYehova, yitempile kaYehova yona leyo.
5Okanye ukuba nithe nazilungisa nizilungisa iindlela zenu nezenzo zenu; ukuba nithe nakwenza nikwenza okusesikweni phakathi komntu nommelwane wakhe; 6ànamcudisa owasemzini, nenkedama, nomhlolokazi, ànaliphalaza igazi elimsulwa kule ndawo, ànalandela thixo bambi, ukuba kube kubi kuni; 7ndonibeka kule ndawo, ezweni endalinika ooyihlo, kwasephakadeni kuse ephakadeni.
8Yabonani, nikholosa ngamazwi obuxoki angancediyo. 9Yini? Niyeba, nincinithe, nikrexeze, nifunge ngobuxoki, niqhumisele kuBhahali,• nilandele thixo bambi eningabaziyo; 10nize ke nime phambi kwam kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nithi, Sihlangulwe; ukuze nenze la masikizi onke? 11Yaba ngumqolomba wezihange na emehlweni enu le ndlu ibizwa ngegama lam? Yabonani, mna lo ndibonile; utsho uYehova.
12Ngokuba khaniye endaweni yam ebiseShilo, apho ndalibeka khona igama lam ekuqaleni, nibone endakwenzayo kuyo, ngenxa yezinto ezimbi zabantu bam amaSirayeli. 13Kaloku ke, ngokokuba nizenzile ezi zenzo zonke, utsho uYehova, ndathetha kuni, ndithetha kwakusa ningeva, ndinibiza ningasabeli: 14ndokwenza kule ndlu, ibizwa ngegama lam, nikholosa ngayo, nakule ndawo ndaninika yona nina nooyihlo, njengoko ndakwenzayo kwiShilo. 15Ndiya kunigxotha nisuke ebusweni bam, njengoko ndabagxothayo abazalwana benu bonke, imbewu yonke yakwaEfrayim.
Ububi bonqulo-zithixo
16Wena ke, musa ukubathandazela aba bantu, ungaphimiseli kuhlahlamba nakuthandaza ngenxa yabo, ungandizami, ngokuba andiyi kukuphulaphula. 17Akuboni na abakwenzayo emizini yakwaYuda, nasezitratweni zaseYerusalem? 18Oonyana batheza iinkuni, ooyise baphemba umlilo, abafazi baxovula intlama, ukuba enzelwe izonkana ukumkanikazi wezulu; bathululèle thixo bambi umnikelo othululwayo, ukuze bandiqumbise. 19Baqumbisa mna na, utsho uYehova; àbaziqumbisi bona na, ukuze budane ubuso babo? 20Ngako oko, itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabona, umsindo wam nobushushu bam buya kuphalazelwa phezu kwale ndawo, phezu kwabantu, naphezu kweenkomo, naphezu kwemithi yasendle, naphezu kweziqhamo zomhlaba, buvuthe bungacimi.
Kufunwa ukuphulaphulwa, akufunwa mibingelelo
21Utsho uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yongezani amadini enu anyukayo emibingelelweni yenu, nidle inyama. 22Ngokuba andithethanga nooyihlo, andibawiselanga methetho ngeendawo zamadini anyukayo nemibingelelo, mini ndabakhuphayo ezweni lamaYiputa; 23ke ndabamisela eli lizwi lokuthi, Phulaphulani ilizwi lam: ndoba nguThixo wenu, nibe ngabantu bam, nihambe ngendlela yonke endinimiselayo, ukuze kulunge kuni. 24Ke abaphulaphulanga, abayithobanga indlebe yabo; báhamba ngamaqhinga, ngobungqola bentliziyo yabo embi, bandinikela umhlana, ayaba bubuso. 25Kususela kwalaa mini baphuma ngayo ooyihlo ezweni lamaYiputa unanamhla, ndábathumela kuni bonke abakhonzi bam, abaprofeti, ndibathuma imihla ngemihla kwakusasa; 26ke àbaphulaphula kum, àbayithoba indlebe yabo; bayenza lukhuni intamo yabo, benza okubi kunooyise.
27Ke ùya kuwathetha kubo la mazwi onke, abayi kukuphulaphula; umemeza kubo, abayi kusabela. 28Ke yithi kubo, Lulo olu uhlanga olungaliphulaphuliyo ilizwi likaYehova uThixo walo, olungayivumiyo intethiso. Kuphelile ukuthembeka, kunqumkile emlonyeni wabo.
Isimbonono ngenxa yabaza kufa kwaYuda
29Nqumla isithsaba sakho, Yerusalem, usilahle, umise isimbonono eluqayini; ngokuba uYehova usicekisile, usincamile isizukulwana sokuphuphuma kwakhe umsindo. 30Ngokuba oonyana bakaYuda benzé into embi emehlweni am, utsho uYehova; babeke izinto zabo ezinezothe endlwini elibizelwa phezu kwayo igama lam, ukuze bayenze inqambi. 31Bakhé izigánga zaseTofete,• ezisemfuleni wakwaBhen-hinom, ukuze batshise oonyana babo neentombi zabo ngomlilo; into endingabawiselanga mthetho ngayo, engathanga qatha entliziyweni yam. 32Ngako oko, yabona, iyeza imihla, utsho uYehova, abangasayi kuba sathi yiTofete, ngumfula wakwaBhen-hinom; baya kuthi nguMfula wokuBulala, bangcwabele eTofete ngenxa enokuba kungekho ndawo. 33Izidumbu zaba bantu ziya kuba kukudla kweentaka zasendle nokwezilo zelizwe, kungabikho bani uziphekuzayo. 34Ndiya kuliphezisa emizini yakwaYuda nasezitratweni zaseYerusalem izwi lemihlali nezwi lemivuyo, izwi lomyeni nezwi lomtshakazi; ngokuba liya kubharha ilizwe.

Currently Selected:

UYEREMIYA 7: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena