Ndicelé nto-nye kuYehova, ndifuna yona: Ukuba ndihlale endlwini kaYehova yonke imihla yobomi bam, Ndibòne ubuhle bukaYehova, ndiphicothe etempileni yakhe. Ngokuba úndigusha emnqubeni wakhe ngemini yobubi, Undisithelisa esitheni lentente yakhe, Undimisa eweni. Ngoku ke iya kuphakama intloko yam phezu kweentshaba zam ezindijikelezayo, Ndibingelèle ententeni yakhe imibingelelo yokuduma, Ndivume, ndibethe uhadi kuYehova. Yiva, Yehova, ndakubiza ngezwi lam; Ndibabale, undiphendule. Intliziyo yam ithi kuwe, kweli ùthi, Funani ubuso bam, Ubuso bakho, Yehova, ndiya kubufuna. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum; Musa ukumgila umkhonzi wakho ngomsindo; Ùluncedo lwam, musa ukundilahla; Musa ukundishiya, Thixo ondisindisayo.
Funda IINDUMISO 27
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IINDUMISO 27:4-9
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo