Ndinqwenela into enye kuphela kuNdikhoyo, ndaye ndifuna yona kanye: le yokuba ze ndihlale kwaNdikhoyo yonke imihla yobomi bam, ndiqwalasele ubuhle bakhe, ndimfune endlwini yakhe. Kaloku wondikhusela enqabeni yakhe ngexesha lobubi, andifihle engontsini endlwini yakhe, ndithi ngcu phezulu eliweni. Ngoko ke ndiya kuzikrobela iintshaba ezindingqongileyo, ndinikele uNdikhoyo idini endlwini yakhe, ndinemivuyo ndicula, ndivumela uNdikhoyo. Ndive, Ndikhoyo, xa ndizibika kuwe; yiba nenceba kum, undiphulaphule. Kweli wena uthi: “Funani ubuso bam,” intliziyo yam yathi: “Ewe, ndiyafuna ukukubona, Ndikhoyo.” Mus' ukuzifihla kum, Ndikhoyo, ungasilahli ngomsindo isicaka sakho. Wena mncedi wam, mus' ukundilahla; uzungandishiyi, Thixo wam, Mkhululi wam.
Funda IINDUMISO 27
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: IINDUMISO 27:4-9
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo