Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Tesalonika 3
3
1OKO kuseleyo, bazalwana! sitandazeleni, ukuba ilizwi lenkosi libe nokuhamba nokudunyiswa, njengokuba linjalo nakuni; 2nokuba sihlangulwe ebantwini abasangeneyo abakohlakeleyo; ngokuba ukolo lungenabo bonke. 3Kodwa inyanisekile inkosi, eya kuniqinisa, inigcine kuyo inkohlakalo. 4Ewe siyatembela enkosini pezu kwenu, ukuba izinto esiniyalelayo ngazo niyazenza, nokuba niya kuzenza kanjalo. 5Kodwa yona inkosi yanga ingazikapela intliziyo zenu elutandweni lukatixo, nasemondeni ka‐Kristu.
6Kekaloku siyaniyalela, bazalwana! egameni lenkosi yetu u‐Yesu Kristu, ukuba nizishenxise kubo bonke abazalwana behamba ngobugaxagaxa, bengahambi ngokwesinikelwa abasamkelayo kuti. 7Ngokuba ngokwenu nisazi ukuba nifanele ukuti nina ukusilandela: kuba sasingahlali ngobugaxagaxa pakati kwenu; 8asadla isonka kumntu ngesisa kanjako, bekusekuzameni nasekudinisweni, sisebenza ubusuku nemini nje, size singabi bunzima kumntu wakuni: 9kungekukuba singenalo igunya, kukukuba sizenze umzekelo kuni, nize nisilandele. 10Ngokuba naxeshekweni sibe sinani, sasiniyalela kwa lento yokuti, ukuba kuko ongatandi ukusebenza, makangadli kanjako. 11Ngokuba sisiva ukuba bako inxenye behamba pakati kwenu ngobugaxagaxa, bengasebenzi luto, koko bezifaka ezintweni ezingezezabo. 12Kekaloku abo banjalo siyabayalela sibakunge ngayo inkosi yetu u‐Yesu Kristu, ukuba basebenze benokuti tu, badle esabo isonka. 13Kodwa nina, bazalwana! maningadinwa kukwenza okulungileyo. 14Kodwa ukuba kuko umntu ongevayo ilizwi letu ngayo lencwadi, gqalani lomntu, ningakolani naye, ukuze enzelwe intloni. 15Kanti ningambali ukuba ulutshaba, niti nimluleke njengomzalwana.
16Kekaloku inkosi yoxolo ngokwayo yanga inganinika uxolo futi ngendawo zonke. Inkosi maibe nani nonke.
17Umbuliso wam Paulusi ngesam isandla, okungumqondiso kuzo zonke incwadi: kunjalo ukubala kwam. 18Ufefe lwe nkosi yetu u‐Yesu Kristu malube nani nonke. Amene.
Currently Selected:
Eyesibini incwadi ka‐Paulusi kuma‐Tesalonika 3: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.