Imibalo 13
13
1WANDULA wateta uyehova ku‐Mosesi, esiti: 2Susa amadoda, aye kupanda ilizwe le‐Kanane, endinika lona elusatsheniluka‐Sirayeli: inye indoda yesizwe soyise bayo, inye indoda yesizwe soyise bayo, uya kuyisusa, onke ezinkosi pakati kwalo. 3Waza u‐Mosesi wawasusa entlango ye‐Parane, ngelizwi likayehova: onke lamadoda ebezintloko zosapo luka‐Sirayeli. 4Ngawo la amagama awo: eyesizwe sika‐Rubene, ibingu‐Shamuha unyana ka‐Zakure; 5eyesizwe sika‐Simone, ibingu‐Shafate unyana ka‐Hori; 6eyesizwe sika‐Juda, ibingu‐Kalebi unyana ka‐Jefune; 7eyesizwe sika‐Yisakare, ibingu‐Yigali unyana ka‐Josefe; 8eyesizwe sika‐Frayime, ibingu‐Hosheha unyana ka‐Nune; 9eyesizwe sika‐Benjamine, ibingu‐Paliti unyana ka‐Rafu; 10eyesizwe sika‐Zebulone, ibingu‐Gadiyeli unyana ka‐Sodi; 11eyesizwe sika‐Josefe, — eyesizwe sika‐Manase, ibingu‐Gadai unyana ka‐Susi; 12eyesizwe sika‐Dane, ibingu‐Hamiyeli unyana ka‐Gemali; 13eyesizwe sika‐Ashere, ibingu‐Seture unyana ka‐Mikaheli; 14eyesizwe sika‐Nefatali, ibingu‐Nahibi unyana ka‐Vovosi; 15eyesizwe sika‐Gadi, ibingu‐Gewuheli unyana ka‐Maki. 16Ngawo la amagama alomadoda, abewasusa u‐Mosesi ukuya kupanda elozwe: waye u‐Mosesi wambiza u‐Hosheha, unyana ka‐Nune, ngo‐Yoshuwa.
17Kwa njalo u‐Mosesi wawatuma ukuya kupanda ilizwe le‐Kanane, wati kuwo: Nyukela ngapa esuyide, nikwele entabeni; 18nikangele ilizwe ukuba linjanina; nabantu abemiyo kulo, ukuba bomelele na, babutataka kusinina, ukuba bancinane na, baninzi kusinina; 19nelizwe abemiyo kulo ukuba linjanina, ukuba lihle na, libi kusinina; nezixeko abahleli kuzo ukuba zinjanina; ukuba baseminqubeni na, basezinqatyeni kusinina; 20nomhlaba ukuba unjanina, ukuba utyebile na, ubityile kusinina, ukuba iko na imiti kuwo, ayiko kusinina; nize nizomeleze, nitabate kuko ukuqa̔ma kwomhlaba. Kekaloku ezontsuku zazintsuku zolibo lwedreyive.
21Asuka enyuka ke, apanda ilizwe, kwa sentlango ye‐Tsine kwada kwase‐Rehobi, njengokuba kuyiwe e‐Hamati. 22Aza enyukela esuyide, afika e‐Hebrone; apo babekona o‐Ahimane, o‐Sheshai, no‐Talemai, abenzalo ka‐Hanaki. (Kekaloku i‐Hebrone ibe yakiwe iminyaka yasixe̔nxe ingekakiwanga i‐Tsohane e‐Jipete.) 23Andula afika entilini ye‐Shekole, anqumla kona apo isebe linesipa ledreyive sasinye, asitwala ngesibonda pakati kwamabini amadoda; atuta nakuzo igranate, nakuyo imikiwane. 24Leyondawo yabizwa ngokuti yintili ye‐Shekole#13:24 Oko kukuti: Isipa sedreyive., ngetuba lesosipa sedreyive olube lusinqumlile apo usapo luka‐Sirayeli.
25Ada abuya ekupandeni ilizwe, ekupeleni kwemihla imashumi mane. 26Aya eza ku‐Mosesi, naku‐Arone, nakuyo yonke intlanganiso yosapo luka‐Sirayeli, entlango ye‐Parane, e‐Kadeshe; ababuyisela ilizwi, nayo yonke intlanganiso, ababonisa isiqa̔mo selizwe. 27Aza ambalisela, ati: Saye sifika kwelozwe ubusituma kulo; eliti okunene lilizwe elela ubisi nobusi; nasi ke nesiqa̔mo salo. 28Kodwa noko abantu abemiyo kwelozwe banamandla, nezixeko zabo zinqatyisiwe, zikulu kakulu: nakanjako abenzalo ka‐Hanaki sasibabona apo. 29Ama‐Amaleki emi elizweni lasesuyide; nama‐Hete, nama‐Yebusi, naba‐Amori, bona bemi ezintabeni; kanjalo aba‐Kanane bemi ngaselwandle, nangasecaleni le‐Yoredane. 30Waza u‐Kalebi wabatutuzela abantu pambi kwo‐Mosesi, wati: Nyukani sinyuke, siye silibambe; ngokuba siya kugqibela ukuleyisa. 31Kodwa amadoda abenyuke naye ati: Sikohliwe kukunyuka ngakubo abobantu, ngokuba bona besigqitisile ngamandla. 32Kwa njalo avela nentlebo ngelozwe abepandile lona ukuza elusatsheni luka‐Sirayeli, esiti: Elozwe, esibe sicanda kulo silipande, lilizwe elidlayo abemi balo; kanjalo bonke abantu esasibabona pakati kwalo bangamadoda obude obukulu. 33Nalapo sasibona imindondosholo, usapo luka‐Hanaki, oluvela kuyo imindondosholo: saye sisemehlweni etu njengemicikwane, sakwa njalo nasemehlweni alo.
Currently Selected:
Imibalo 13: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.