Imibalo 23
23
1Waza wati u‐Bilame ku‐Balaki: Ndakele apa izibingelo zibe sixe̔nxe, undilungisele nalapa isixe̔nxe senkunzana zenkomo, nesixe̔nxe senkunzi zegusha. 2Wenza u‐Balaki njengokuba ebetetile u‐Bilame; baza u‐Balaki no‐Bilame banikela inkunzana yenkomo nenkunzi yegusha ngesibingelo ngesibingelo. 3Wandula wati u‐Bilame ku‐Balaki: Hlala umi wena ngasedinini lokutshiswa lako, ndandiya kuhamba mna; kungati umhlaumbi uyehova woza ukundihlangabeza: nento asukuba eya kundibonisa yona, ndoyityela kuwe. Waza waya endulini.
4Waye utixo wamhlangabeza u‐Bilame; owati kuye: Izibingelo ezisixe̔nxe ndizilungisile, ndandinikele inkunzana yenkomo nenkunzi yegusha ngesibingelo ngesibingelo. 5Waza uyehova wabeka ilizwi emlonyeni ka‐Bilame, wati: Buya uye ku‐Balaki, utete ngokunjalo. 6Wasuka wabuya waya kuye; kekaloku nankuya emi ngasedinini lokutshiswa lake, yena, nazo zonke inkosana zase‐Mowabi. 7Wandula wapimisela umzekeliso wake, wati: Kwase‐Arame, undir̔olile u‐Balaki, ukumkani wama‐Mowabi, ezintabeni zasempumalanga, esiti: Yiza, undiqalekisele u‐Yakobi, uze ke, utuke u‐Sirayeli. 8Ndingati nina ukuqalekisa lowo angamqalekisanga utixo? ndingati nina nokutuka lowo angamtukanga uyehova? 9Ngokuba ndisengcopo yamawa ndimbona, ndisezindulini ndimkangela: bona ke, abantu abo baya kuhlala bodwa, abayi kuzibala pakati kwentlanga. 10Ngubanina ongabalayo utuli lwakwa‐Yakobi, nenani lesesine isiqingata sakwa‐Sirayeli? Mandife mna ngokufa kwabalungileyo, nokwasemva kwam makube njengokwake!
11Waza u‐Balaki wati ku‐Bilame: Undenzele nto nina? Bendikutabata ukuba uziqalekise intshaba zam; kanti, bona ke, ugqibele ukuzitamsanqelisa. 12Wapendula wati: Oko uyehova akubekileyo emlonyeni wam, ndingalumki na ukuba nditete kona?
13Wandula wati u‐Balaki kuye: Kauze ke nam ukuya kwenye indawo, apo uya kubabonela kona: uya kubona incam yabo kupela, akuyi kubabona bonke; uze undiqalekisele bona kwa lapo. 14Wasuka wamsa ezindle zabalindi, engcotsheni ye‐Pisega, waka kona izibingelo zasixe̔nxe, wanikela inkunzana yenkomo nenkunzi yegusha ngesibingelo ngesibingelo. 15Waza wati ku‐Balaki: Hlala umi apa wena ngasedinini lokutshiswa lako, ndandiya kuya ukuhlangabeza u‐Yehova paya.
16Waye uyehova wamhlangabeza u‐Bilame, wabeka ilizwi emlonyeni wake, wati: Buya uye ku‐Balaki, utete ngokunjalo. 17Wasuka weza kuye; kekaloku, nanku emi ngasedinini lokutshiswa lake, nenkosana zase‐Mowabi ndawonye naye. Waza u‐Balaki wati kuye: Kuyinto nina uyehova ayitetileyo? 18Wandula wapimisela umzekeliso wake, wati: Suka ume, Balaki! upulapule ke; ndinikele indlebe, nyana ka‐Tsipore! 19Utixo asi nguye umntu ukuba axoke; asi nguye nonyana womntu, ukuba aguquke: uya kutsho na, aze angakwenzi na? uya kuteta na, aze angakuqinisi na? 20Bona ke, ndamkele ilizwi lokuba nditamsanqelise; useletamsanqele ke; andingekubuyise. 21Akakangeli inkohlakalo kwa‐Yakobi, kanjalo akaboni ububi kwa‐Sirayeli: uyehova utixo wake unaye, indanduluko yokumkani ipakati kwabo. 22Utixo wabapumisa e‐Jipete; unamendu njengawenyati. 23Okunene akuko kunyanga ngakwa‐Yakobi, akuko nokulaula ngakwa‐Sirayeli; kwa ngoku kuya kuxelwa ngo‐Yakobi, nango‐Sirayeli, into ayenzileyo utixo. 24Bona ke, abantu baya kusuka njengengonyamakazi, bazipakamise njengengonyama: abayi kulala pantsi bengekadli into eqwengiweyo, negazi labahlatyiweyo bengaliselanga.
25Waza wati u‐Balaki ku‐Bilame: Ungake ubaqalekise, ungake ubatamsanqelise kanjalo. 26Koko wapendula u‐Bilame wati ku‐Balaki: Bendingakuxeleli na, ndisiti: Konke aya kuteta kona uyehova, ndiya kukwenza?
27Wandula wati u‐Balaki ku‐Bilame: Kauze ke, ndokusa kwenye indawo; kungati kwoba kufanele emehlweni katixo lowo, ukuba undiqalekisele bona ulapo. 28Waza u‐Balaki wamsa u‐Bilame engcopo ye‐Pehori, ebeka ngasebugxwayibeni. 29Wayesiti u‐Bilame ku‐Balaki: Ndakele apa izibingelo zibe sixe̔nxe, undilungisele nalapa isixe̔nxe senkunzana zenkomo nesixe̔nxe senkunzi zegusha. 30Wenza u‐Balaki njengokuba ebetshilo u‐Bilame, wanikela inkunzana yenkomo nenkunzi yegusha ngesibingelo ngesibingelo.
Currently Selected:
Imibalo 23: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.