Amaculo 108
108
ICULO CVIII.
Iculo lika‐Davide, lokuvunywa.
1INTLIZIYO yam iqinisiwe, Tixo! ndiya kuvuma, ndicule nokucula kwa ngengewalisa yam. 2Vuka, nebele nekinore! ndiya kuvuka kusasa mna. 3Ndokudumisa, Yehova! pakati kwezizwe; ndandiya kucula kuwe pakati kwentlanga. 4Ngokuba ububele bako bukulu ngapezu kwezulu, nenyaniso yako kude kube semafini. 5Yiba upakamile pezu kwezulu, Tixo! nobungcwalisa bako pezu kwomhlaba wonke.
6Ukuze abatandwa bako bakululwe, sindisa ngesokunene sako, undipendule. 7Utixo utetile ebungcweleni bake; ndiya kugcoba: ndiya kwaba i‐Shekeme, ndilinganise umhlambo we‐Sukote: 8u‐Gileyadi ungowam; u‐Manase ungowam; u‐Frayime naye ungamandla entloko yam; u‐Juda ungumnikamteto wam: 9i‐Mowabi isisitya sam sokuhlambela; pezu kwe‐Edome ndoposa isihlangu sam; pezu kwe‐Filistiya ndiya kuvuyelela.
10Ngubanina oya kundikokela esixekweni esiyinqaba? ngubanina oya kundikapela e‐Edome? 11Asi nguwe na, Tixo! owabusilahlile? akuyi kupuma na, Tixo! nemikosi yetu? 12Sinike uncedo ekubandezelweni; ngokuba usizo lwabantu lungendawo. 13Ngaye utixo siya kwenza ngobuṙoti; ngokuba enguye oya kunyatela pantsi ababandezeli betu.
Currently Selected:
Amaculo 108: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.