Amaculo 13
13
ICULO XIII.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1UYA kundilibala kude kube ninina, Yehova? kude kube ngunapakade na? Wondifihlela ubuso bako kude kube ninina? 2Kwoda kube ninina ndibeka amaqinga empefumlweni wam, nosizi entliziyweni yam imihla ngemihla? kwoda kube ninina utshaba lwam lupakanyiswa pezu kwam?
3Zukangele, undipendule, Yehova, Tixo wam! kanyisa amehlo am, hleze ndilale ubutongo bokufa; 4hleze luti utshaba lwam: Ndimeyisile; nabo balana nam bavuye ndakushukunyiswa.
5Kodwa mna nditembile ebubeleni bako; intliziyo yam yovuya elusindisweni lwako. 6Ndovuma kuyehova, ngokuba endenzele okulungileyo.
Currently Selected:
Amaculo 13: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.