Amaculo 14
14
ICULO XIV.
Elika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu.
1IGEZA liti entliziyweni yalo: Akuko tixo. Bonakele, benze izenzo ezizondekileyo; akuko owenza okulungileyo. 2Uyehova esezulwini wakangela pantsi pezu kwonyana babantu, ukubona ukuba kuko na oqondayo, ofuna utixo. 3Bapambukile bonke, badlubukile kunye; akuko owenza okulungileyo, noko amnye.
4Bonke abenzi benkohlakalo abanakwazi na? abadla abantu bam njengokungati babesidla isonka: ababizanga kuye uyehova. 5Bebesoyika isoyikiso kona apo: ngokuba utixo esesizukulwaneni sabalungileyo. 6Nidanisile icebo lolihlwempu; ngokuba uyehova eyindawo yake yokupepela.
7Alwaba usindiswa lwo‐Sirayeli lwabeluvele e‐Ziyone! Nxa uyehova aya kubuyisa ukutinjwa kwabantu bake, uya kugcoba u‐Yakobi, uya kuvuya u‐Sirayeli.
Currently Selected:
Amaculo 14: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.