Amaculo 146

146
ICULO CXLVI.
1DUMISANI uyehova! — Dumisa uyehova, mpefumlo wam! 2Ndiya kudumisa uyehova ngexa ndisadla ubomi; ndiya kucula kutixo wam ngexa ndiseko. 3Musani kutembela ezinkosini, nakunyana woluntu, ekungeko lusizo kuye. 4Umoya wake uyapuma, abuyele emhlabeni wake: kwa ngalomini ayatshabalala amaqinga ake.
5Hai itamsanqa loncedo lu ngutixo ka‐Yakobi, lotemba li kuyehova utixo wake! 6owenza izulu nomhlaba, ulwandle nako konke okukulo; oyigcinayo inyaniso kude kube ngunapakade: 7owenzela ababandezelweyo umgwebo; owamkelisa abalambileyo ukutya. Uyehova nyakulula amabanjwa; 8uyehova uyatyila amehlo emfama; uyehova uyapakamisa abatotyiweyo; uyehova uyatanda abalungileyo; 9uyehova uyagcina abasemzini; nyaxasa inkedama nomhlolokazi: kodwa indlela yabakohlakeleyo uyayipenula. 10Uyehova uya kupata ngobukumkani kude kube ngunapakade: kwa utixo wako, Ziyone! kwisizukulwana ngesizukulwana. — Dumisani uyehova!

Currently Selected:

Amaculo 146: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena