Amaculo 5
5
ICULO V.
Iculo lika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngenehilote.
1YEHOVA! wanikele indlebe amazwi am, ugqale ukucinga kwam. 2Pulapula ilizwi lokubongoza kwam, Kumkani wam, notixo wam! ngokuba ndiya kutandaza kuwe. 3Ilizwi lam uya kuliva kusasa, Yehova! kwa kusasa ndolibekisa kuwe, ndikangele pezulu. 4Ngokuba ungenguye utixo otanda inkohlakalo; ububi abuyi kupambukela kuwe. 5Abagezayo abayi kuma ebusweni bako; uyabatiya bonke abenzi benkohlakalo. 6Uya kubu̔bi̔sa abo bateta ubuxoki; uyehova uya kuzonda umntu wegazi nenkohliso. 7Kodwa mna ndongena endlwini yako ngobuninzi bezibele zako; ndotobela ngasetempileni yako eyingcwele ngokwoyika wena.
8 Yehova! ndikokele ebulungiseni bako, ngenxa yabandihlolayo; yenza indlela yako ilunge ebusweni bam. 9Ngokuba kungeko okuyinyaniso emlonyeni wabo; umbilini wabo ububumenemene; umqala wabo ulincw̔aba elivulekileyo; ilwimi zabo bazigudisile. 10Bagwebe, Tixo! mabawe ngamacebo abo; bagxote ngenxa yobuninzi bezigqito zabo; ngokuba bevukele ngakuwe. 11Kodwa mabavuye bonke abatemba kuwe; mabadanduluke ngovuyo kude kube ngunapakade, ngokuba ubakusela: nabatanda igama lako mabagcobe kuwe. 12Ngokuba wena, Yehova! uya kutamsanqelisa olungileyo; uya kumpahla ngembuko ibe njengekaka.
Currently Selected:
Amaculo 5: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.