Amaculo 53

53
ICULO LIII.
Elika‐Davide, lokuqondisa, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngemahalate.
1IGEZA liti entliziyweni yalo: Akuko tixo. Bonakele, benze inkohlakalo ezondekileyo; akuko owenza okulungileyo. 2Utixo esezulwini wakangela pantsi pezu kwonyana babantu, ukubona ukuba kuko na oqondayo, ofuna utixo. 3Bahlehlile bonke, badlubukile kunye; akuko owenza okulungileyo, noko amnye.
4Abenzi benkohlakalo abanakwazi na? abadla abantu bam njengokungati babesidla isonka: ababizanga kuye utixo. 5Apo bebesoyika isoyikiso, apo bekungeko soyikiso kona: ngokuba utixo ecitile amatambo alowo ubemela ngakuwe: ubadanisile; ngokuba utixo ebalahlile.
6Azaba intsindiswa zo‐Sirayeli zabezivele e‐Ziyone! Nxa utixo aya kubuyisa ukutinjwa kwabantu bake, uya kugcoba u‐Yakobi, uya kuvuya u‐Sirayeli.

Currently Selected:

Amaculo 53: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena