Amaculo 61

61
ICULO LXI.
Elika‐Davide, liba̔lelwe umhlabeli omkulu owenza ngeneginote.
1YIVA, Tixo! isikalo sam; pulapula umtandazo wam. 2Kwa sekupeleni kwomhlaba ndiya kubizela kuwe, xeshekweni intliziyo yam icubukile: ndikapele eweni elingapezulu kum. 3Ngokuba ubulihlati kum, kwa inqaba enamandla ebusweni botshaba. 4Ndiya kuhlala ententeni yako kude kube ngunapakade; ndiya kupepela esigubungelweni samapiko ako. Sela.
5Ngokuba wena, Tixo! uzivile izibambiso zam; undipile ilifa labo boyika igama lako. 6Uya kwongeza imihla emihleni yokumkani; iminyaka yake yoba njengezizukulwana ezininzi. 7Uya kuhlala ebusweni bukatixo kude kube ngunapakade: maumisele ububele nenyaniso, ukuba zimgcine. 8Kukona ndiya kucula egameni lako kude kube ngunapakade, ndize ndifeze izibambiso zam imihla ngemihla.

Currently Selected:

Amaculo 61: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena