Amaculo 94

94
ICULO XCIV.
1TIXO wempindezelo! Yehova, Tixo wempindezelo! kazimla. 2Zipakamise, Mgwebi womhlaba! buyekeza kwabaner̔atshi ngokubafaneleyo.
3Kwoba kade kangakananina abakohlakeleyo, Yehova! kwoba kade kangakananina abakohlakeleyo bevuyelela? 4Kwoba kade kangakananina bepimisela beteta ngokulukuni, beziqa̔yisela bonke abenzi bobubi? 5Abantu bako, Yehova! bayabatyumza; nelifa lako bayalibandezela. 6Umhlolokazi nowasemzini bayababu̔bisa, nabazinkedama bayababulala. 7Bati noko: Uyehova akayi kubona, utixo ka‐Yakobi akayi kugqala.
8Qondani, nina badolileyo ebantwini; nani mageza! noda nilumke ninina? 9Obetyala indlebe, akayi kuva na? obedala iliso, akayi kubona na? 10Ozilulekayo izizwe, akayi kwohlwaya na? lowo ufundisa abantu ukwazi! 11Uyehova uyawazi amaqinga abantu, ukuba akandawo wona.
12Hai itamsanqa lalomntu umlulekayo, Yehova! nomfundisayo ngomteto wako; 13ukuze umnike ukupumla emihleni yobubi, nxa kumbelwa okohlakeleyo umnxuma! 14Ngokuba uyehova engayi kulahla abantu bake, nelifa lake akayi kulishiya. 15Koko ugwebo luya kubuyela ebulungiseni; boti bonke abalungileyo ngentliziyo balulandele.
16Ngubanina oya kundipakamela ngakubo abenzayo okungalungileyo? ngubanina oya kundimela ngakubo abenzi benkohlakalo? 17Ukuba uyehova ebengeluncedo kum, umpefumlo wam unge uhle wahlala ekutini cwaka. 18Ndindakuti: Unyawo lwam luyatyibilika; ububele bako, Yehova! bandixasa. 19Ebuninzini bezicingo zam ngapakati kwam, izonwabiso zako ziyayolisa umpefumlo wam.
20Iterone yobumenemene iya kubandakanywa nawe na, idala ububi ngomteto nje? 21Bayahlanganisana ngakuwo umpefumlo wolungileyo, bagwebe igazi elingenatyala. 22Kodwa uyehova uyinyango yam; notixo wam ulilityekazi lokupepela kwam. 23Waeya kubuyisela pezu kwabo inkohlakalo yabo, abanqamle besebubini babo: uyehova, utixo wetu, uya kubanqamla.

Currently Selected:

Amaculo 94: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena