KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 4

KwabaseKorinte 2 – 4
1Ngoko ke, sinalo nje olu lungiselelo, sithi, njengoko senzelwe inceba, singethi mandla; 2sisuke sazilahla izinto ezifihlakeleyo eziziintloni, singahambi ngobuqhetseba, singalikhohlakalisi ilizwi likaThixo; sisuka ngokuyibonakalalisa inyaniso siziyaleze kuso sonke isazela sabantu emehlweni kaThixo. 3Kodwa ke ukuba iindaba ezimnandi esizishumayelayo azicacanga, koba zifihlakele kwabatshabalalayo. 4Athi kubo uthixo weli phakade wazimfamekisa ngaphakathi kwabo iingqiqo zabangakholwayo, ukuze singabengezeli kubo isikhanyiso seendaba ezilungileyo zobuqaqawuli bukaKristu, ongumfanekiselo kaThixo. 5Kaloku asizishumayeli thina, sivakalisa uKrestu Yesu ukuba uyiNkosi; sibe ke thina singabakhonzi benu ngenxa kaYesu. 6Ngokuba nguThixo, yena wathi ukhanyiso malukhanye ebumnyameni, okhanyisele iintliziyo zethu, ukuze kukhanye ukwaziwa kobuqaqawuli bukaThixo ebusweni bukaYesu Kristu. 7Ke kaloku obu butyebi sibuphethe ngezitya zodongwe, ukuze incamisa yamandla ibe yekaThixo, ingaphumi kuthi. 8Siyabandezelwa ngeenxa zonke, singaxineki; siyathingaza, kodwa asincami; 9siyatshutshiswa, kodwa asishiywa; sikhahlelwa phantsi, asitshatyalaliswa; 10sihlala sikuthwele ngomzimba ukufa kweNkosi uYesu ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe emizimbeni yethu. 11Kuba thina badla ubomi simana sinikelwa ekufeni ngenxa kaYesu, ukuze nobomi bukaYesu bubonakalaliselwe enyameni yethu enokufa. 12Ngoko ke kusebenza ukufa kuthi, ke kuni kusebenza ubomi. 13Sinawo nje ke kwaloo moya wokholo, ngokoko kubhaliweyo kwathiwa, Ndakholwa, kungoko ndathethayo; nathi ke siyakholwa, kungoko sithethayo nokuthetha; 14sisazi ukuba lowo wayivusayo iNkosi uYesu, uya kusivusa nathi ngoYesu, asimise phambi kwakhe, ndawonye nani. 15Kuba konke oko kungenxa yenu, ukuze luthi ubabalo, lwakuba lwandile ngabona baninzi, luwuphuphumise umbulelo, use ekuzukiseni uThixo. 16Kungoko singethi mandla; kuba nokuba umntu wethu wangaphandle uya esonakala, usuka yena owangaphakathi aye ehlaziyeka imihla ngemihla. 17Kaloku imbandezelo yethu, eyeyomzuzwana, isisebenzela ubunzima obuncamisileyo, obuncamisileyo. 18Kaloku thina asixuneli ezintweni ezibonwayo, sixunela kwezingabonwayo; kuba ezibonwayo zezexeshana; ke zona ezingabonwayo zezonaphakade.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena