KwabaseKorinte 2 KwabaseKorinte 2 – 5

KwabaseKorinte 2 – 5
1Siyazi ke ukuba xa ithe yachithwa indlu yethu esemhlabeni, engulo mnquba, sinesakhiwo esiphuma kuThixo, yona emazulwini, yona engenakwenziwa ngazandla, engunaphakade. 2Kuba kulo siyancwina, silangazelela ukwambatha, saleke indlu yethu yasemazulwini; 3ukuba siya kufunyanwa sambethe okunene, singeze. 4Kuba kwathina aba bakulo mnquba siyancwina sisindwa, kungengakuba sithanda ukuhlutywa; 5Ke kaloku lo usisebenzele kwaloo nto nguThixo, osinike nokusinika isinyaniso sakhe uMoya. 6Ngoko ke sihlala somelele, sisazi ukuba, sikowethu nje emzimbeni, sikude kowethu eNkosini. 7(Kuba sihamba ngokholo, asihambi ngokubona;) 8Singaxhalaba, ndithi ke, síthanda kanye ukuba kude nenyama yethu, siye kuhlala neNkosi. 9Kungoko sizondelela ukuthi, nokuba sisekhaya, nokuba sikude nekhaya, sibe ngabakholekileyo kuyo. 10Kuba sonke simele sibonakale phambi kwesihlalo sokugweba sikaKristu; ukuze elowo azuziswe okwenziwe ngomzimba, ngoko akwenzileyo, nokuba kokulungileyo, nokuba kokubi. 11Sikwazi njalo ke ukoyikeka kweNkosi, sizamela ukuba beyiseke abantu; sibonakalalisiwe ke kuThixo; ndiyathemba ke ukuba nakuzo izazela zenu sibonakalalisiwe. 12Kuba asibuyi siziyaleze kuni; 13Kuba, nokuba siyageza, kungenxa kaThixo; nokuba sinengqondo ephilileyo, kungenxa yenu. 14Kaloku uthando lukaKristu lusifingile nje; Kuba sigqiba kwelithi, omnye ufele bonke emnye, ngoko bafile bonke abo; 15wabafela ke bonke, ukuze abo badla ubomi bangabi sazidlela ubomi, babudlele owafayo wavuka ngenxa yabo. 16Ngoko ke thina sisusela kweli xesha, asisazi namnye ngokwenyama; nokuba ke besimazi uKristu ngokwenyama, kungoku asisamazi ngokwenyama. 17Ngoko ke, ukuba ubani ukuKristu, usisidalwa esitsha; izinto ezindala zidlule; yabonani, zisuke zaba ntsha izinto zonke. 18Zonke izinto ke ziphuma kuThixo, owasixolelanisa naye ngokwakhe ngoYesu Kristu, wasinika ulungiselelo loxolelaniso; 19Oko ke, uThixo waye ekuKristu, elixolelanisa naye ngokwakhe ihlabathi, engazibaleli kubo iziphoso zabo; yaye uphathise kuthi ilizwi loxolelaniso. 20Sizizigidimi ke ngoko ngenxa kaKristu, ngokungathi uThixo uniyala ngathi; siyanikhunga ngenxa kaKristu, manixolelaniswe naye uThixo; 21kuba lowo ungazani nasono, wamenza isono ngenxa yethu; ukuze thina sibe bubulungisa bukaThixo kuye.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena