iZenzo iZenzo 13

iZenzo 13
1Ke kaloku, kwa-Antiyokwe kwakukho abaprofeti nabafundisi abathile ebandleni, njengoBharnabhas, noSimon ekuthiwa nguNigere, noLukiyo waseKirene, noManayen owayondlwa noHerode umphathi wesahlulo sesine, noSawule. 2Bakubon’ ukuba ke bayabusa eNkosini, bezila ukudla, wathi uMoya oyiNgcwele, Ndahluleleni ke uBharnabhas kwanoSawule, baye emsebenzini endibabizele kuwo. 3Bathe ke, bakuba bezile ukudla, bathandaza, babeka nezandla phezu kwabo, babandulula. 4Bona ke ngoko, bakuthunywa nguMoya oyiNgcwele, behla baya kwaSeluki; besuka khona apho ngomkhombe, baya eSipro. 5Bathe bakufika eSalamis, balishumayela ilizwi likaThixo ezindlwini zesikhungu zamaJuda. BabenoYohane umlungiseleli wabo. 6Besigqibile ke isiqhithi, bada beza kufika ePafo, bafumana siyazi uthile, ungumprofeti wobuxoki, umYuda ogama linguBhar-yesu, 7owayehlala kwibamba uSergiyo Pawulos, indoda enokuqonda; owababizela kuye ooBharnabhas noSawule, efuna ukuliva ilizwi likaThixo. 8Wamelana nabo ke uElima, usiyazi lowo (kuba litsho igama lakhe lakuthethwa ngentetho evakalayo), efuna ukulijika ibamba elukholweni. 9Waza uSawule, okwabizwa ngokuba nguPawulos, ezele nguMoya oyiNgcwele, wamjongisa kuye, 10wathi, Wena uzeleyo yiyo yonke inkohliso, nabubo bonke ubutshijolo, nyanandini woMtyholi, lutshabandini lobulungisa bonke, akuyi kupheza na ukuzijika iindlela ezithe tye zeNkosi? 11Uyabona, uyabona, isandla seNkosi siphezu kwakho; ùya kuba yimfama, kube mzuzu ungaliboni ilanga. Kwaoko wawelwa yinkungu nobumnyama; wayejikeleza, efuna abangamrhola ngesandla. 12Lithe ke ibamba, lakukubona oko kwenzekileyo, lakholwa, likhwankqisiwe yiyo imfundiso yeNkosi. 13Ke kaloku, bakunduluka ePafo, benduluka uPawulos neqela lakhe, beza ePerga yasePamfili. Wemka ke kubo uYohane, wabuyela eYerusalem. 14Bendulukile ke bona ePerga, batyhutyha beza kufika kwa-Antiyokwe kwelasePisidi. Bangena endlwini yesikhungo ngoMhla wokuPhumla, bahlala phantsi. 15Ke kaloku, emva kokufundwa komthetho nabaprofeti, abaphathi bendlu yesikhungu bathumela kubo, besithi, Madoda, bazalwana, ukuba ninelizwi lovuselelo olu ebantwini, thethani. 16Waphakama ke uPawulos, wawangawangisa ngesandla, wathi: “Madoda, maSirayeli, nani nimoyikayo uThixo, phulaphulani. 17uThixo waba bantu bakwaSirayeli wabanyula oobawo bethu, wabaphakamisa abantu ekuphambukeleni kwabo ezweni laseYiputa, wabakhupha kulo ngengalo ephakamileyo. 18Kwathi ngexesha eliyiminyaka engathi imashumi mane, wayithwala imikhwa yabo entlango. 19Wathi akuwisa iintlanga ezisixhenxe emhlabeni wakwaKanan, wababela umhlaba wazo ngeqashiso. 20Emva koko, iminyaka engathi imakhulu mane anamanci mahlanu, wabanika abagwebi, kwada kwakuSamuweli umprofeti. 21Emva koko bacela ukumkani, uThixo wabanika uSawule, unyana kaKishe, indoda yesizwe sakwaBhenjamin, iminyaka emashumi mane. 22Akuba ke emsusile, wabavelisela uDavide njengokumkani; awamngqinelayo kanjalo, wathi, Ndimfumene uDavide okaYese, indoda engantliziyo yam, eya kukwenza konke ukuthanda kwam. 23Embewini yalo mntu uthe uThixo ngokwedinga wavelisela uSirayeli uMsindisi uYesu; 24kwakubon’ ukuba uYohane uvakalise tanci, phambi kokungena kwakhe, ubhaptizo loguquko kubo bonke abantu bakwaSirayeli. 25Xa ke uYohane ebesekulufezeni uhambo lwakhe, ubesithi, Nithi nina ndingubani na? Andinguye. Kodwa, yabonani, uyeza emva kwam, endingafanelekileyo mna ukuba ndizithukulule iimbadada ezinyaweni zakhe. 26Madoda, bazalwana, nyana bomlibo wakwa-Abraham, nabo phakathi kwenu bamoyikayo uThixo, ilizwi lolu lusindiso lathunyelwa kuni. 27Kuba abo bemiyo eYerusalem, nabaphathi babo, bengamazanga lowo, kwanamazwi abaprofeti aleswayo iisabatha ngeesabatha zonke, bawazalisa ngokumgweba; 28bathi, bengafumananga nalinye ityala lokufa, bacela kuPilato ukuba asikwe. 29Xa ke babezifezile zonke izinto ezibhaliweyo ngaye, bamthula emthini, bambeka engcwabeni. 30Kodwa uThixo wamvusa kwabafileyo. 31Yena lowo wabonwa imihla emininzi ngabo babenyuke naye, bevela kwelaseGalili besiya eYerusalem; ngabo ke abangamangqina akhe ebantwini. 32Nathi ke sinishumayeza iindaba ezilungileyo zokuba idinga elo labakho koobawo, 33zokokuba uThixo ulizalisile lona kuthi, bantwana babo, ngokumvusa uYesu; njengokuba nakwiNdumiso yesibini kubhaliwe kwathiwa, UnguNyana wam wena, Mna ndikuzele namhla. 34Malunga ke nokumvusa kwakhe kwabafileyo, angabi sabuyela ekuboleni, uselethe ukuthetha, Ndiya kuninika iinceba eziqinisekileyo zikaDavide. 35Kungoko athi nakwenye iNdumiso, Akuyi kumyekela oyiNgcwele wakho ukuba abone ukubola. 36Kuba uDavide okunene, akuba elisebenzele kwesakhe isizukulwana icebo likaThixo, walala ubuthongo, wabekwa kooyise, wakubona ukubola; 37Ke yena owavuswayo nguThixo, akabonanga kubola. 38Makwazeke ngoko kuni, madoda, bazalwana, ukuba ngaye lowo kuxelwa kuni uxolelo lwezono; 39nakuzo zonke izinto ebeningenako ukugwetyelwa nikhululeke kuzo ngomthetho kaMoses, bonke abakholwayo bayagwetyelwa ngaye yena lowo. 40Lumkani ke, ningafikelwa koko kwathethwa ngako ebaprofetini. 41Khangelani, nina badeli, nimangaliswe, nitshabalale; ngokuba mna ndisebenza umsebenzi ngemihla yenu, Umsebenzi eningasayi kukholwa kuwo, nokuba kukho othi anicacisele. 42Ke kaloku, akubon’ ukuba ayaphuma amaYuda endlwini yesikhungu, babongoza abeentlanga, ukuba la mazwi athethwe kubo ngesabatha ezayo. 43Sakubon’ ukuba ke sichithakele isikhungu, into eninzi yamaYuda neyabangene ebuYudeni, abamhlonelayo uThixo, yabalandela ooPawulos noBharnabhas; 44Kuthe ke ngelandelayo isabatha, waphantsa ukuhlanganisana umzi wonke, ukuba ulive ilizwi likaThixo. 45Athe ke amaYuda, akuzibona izihlwele, azala ngumona, aziphika izinto ezibe zithethwa nguPawulos, aphika enyelisa. 46Bathetha ke ngokungafihlisiyo uPawulos noBharnabhas, bathi, Bekufanele ukuba lithethwe kuni kuqala ilizwi likaThixo; ekubeni ke nina nililahlile, nazigweba ukuba anibufanele ubomi obungunaphakade, niyabona, sibheka kuzo iintlanga. 47Kuba isiwisele umthetho ngokunjalo iNkosi, yathi, Ndikubekile ukuba ube lukhanyiselo lweentlanga, ukuze ube ngowosindiso, kude kuse ekupheleni kwehlabathi. 48Zakuva ke oko iintlanga, zavuya, zalizukisa ilizwi leNkosi, bakholwa bonke ababemiselwe ubomi obungunaphakade. 49Laye ke ilizwi leNkosi lihanjiswa kulo lonke ilizwe elo. 50Ke kaloku amaYuda abaxhokonxa abafazi ababehlonela uThixo, ababekekileyo, ababekekileyo, nabaninimzi; abaxhoxhela intshutshiso ooPawulos noBharnabhas, abakhupha emideni yawo. 51Bathe ke bona bawavuthululela uthuli lweenyawo zabo, beza eIkoniyo. 52Baye ke abafundi bezaliswe luvuyo nanguMoya oyiNgcwele.

Currently Selected:

iZenzo iZenzo 13: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena