KumaGalati KumaGalati 1
KumaGalati 1
1uPawulos, umpostile (okungengabantu, kungengamntu, kungoYesu Kristu, noThixo uYise, owamvusayo kwabafileyo); 2Nabo bonke abazalwana abakunye nam babhalela amabandla aseGalati: 3bathi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uYise, neNkosi yethu uYesu Kristu; 4owazinikelayo ngenxa yezono zethu, ukuze asihlangule kweli phakade langoku lingendawo, ngokokuthanda kukaThixo uBawo wethu; 5Makube kuye uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen. 6Ndimangalisiwe kukuba niphambuke kamsinya kangaka kulowo wanibizayo ngobabalo lukaKristu, niye kwiindaba ezilungileyo ezizimbi; 7Le ingeyiyo enye; koko kukho bathile banikhathazayo, bathandayo ukuzigqwetha iindaba ezilungileyo zikaKristu. 8Ke, nokokuba sisuke thina aba, nokokuba sisuke isithunywa sasezulwini sanishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo sanishumayezayo, masisingelwe phantsi. 9Njengoko besesitshilo, ndiyaphinda, ndithi nangoku, Ukuba ubani unishumayeza iindaba ezilungileyo ezinxamnye nezo nazamkelayo, makasingelwe phantsi. 10Kuba ngoku ndithomalalisa abantu, ndithomalalisa uThixo, kusini na? Ndifuna ukukholisa abantu na? Kuba, ukuba ndingaba ndisakholisa abantu, ndingaba andingumkhonzi kaKristu. 11Ke kaloku, ndiyanazisa, bazalwana, ukuba azingokomntu iindaba ezilungileyo ezi, zashunyayelwayo ndim; 12Kuba nam lo andizamkelanga mntwini, andizifundiswanga nokuzifundiswa; ndazamkela ngokutyhilelwa nguYesu Kristu. 13Kuba nayiva eyam ihambo eyayifudula isebuYudeni, ukuba ndaye ndilitshutshisa ndilibhuqa ibandla likaThixo ngokuncamisileyo; 14Ndaye ndihambela phambili ebuYudeni, ngaphezu kwabaninzi ababeziintanga zam eluhlangeni lwakowethu, ndizizondelele ngokugqithiseleyo izithethe zoomawokhulu. 15Ke, xenikweni kwakholekayo kuThixo, owandahlulayo kwasesizalweni sikama, wandibiza ngalo ubabalo lwakhe, 16ukuba amtyhile uNyana wakhe ngaphakathi kwam, ukuze ndimshumayele ngeendaba ezilungileyo phakathi kweentlanga; kwaoko andibhekisanga nto kwinyama negazi. 17Kanjalo andinyukanga ndiye eYerusalem, kubo ababengabapostile ngaphambi kwam; ndesuka ndaya kwelaseArabhi, ndaza ndabuyela eDamasko. 18Ndandula ndathi, emva kweminyaka emithathu, ndenyuka ndaya eYerusalem, ukuba ndazane noPetros; ndahlala naye iintsuku ezilishumi elinantlanu. 19Andibonanga wumbi ke kubapostile, yaba nguYakobi, umzalwana weNkosi, yedwa. 20Izinto ke endinibhalela zona, yabonani, ndithetha emehlweni kaThixo, andixoki. 21Emva koko ndeza kwimimandla yelaseSiriya nelaseKilikiya; 22Ndaye ke ndingaziwa ngesiqu ngawo amabandla akwelamaYuda, akuKristu; 23banela ukuva kwakuphela ukuba, Lowo wayefudula esitshutshisa, ngoku ushumayela iindaba ezilungileyo zokholo abefudula elubhuqa. 24Bamzukisa ke uThixo ngam.
Currently Selected:
KumaGalati KumaGalati 1: CXB24
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Contemporary Xhosa Bible
Copyright © 2024, by City Bible Foundation ®
Used by permission of City Bible Foundation ® All rights reserved worldwide.