uIsaya uIsaya 12

uIsaya 12
1Ngaloo mini uya kuthi, Yehova, ndiya kubulela kuwe; nangona ubundiqumbele, wabuya umsindo wakho, wandithuthuzela. 2Yabona, uThixo ulusindiso lwam; Ndiya kukholosa, andiyi koyika; ngokuba uYehova ungamandla am nendumiso yam; waba lusindiso kum. 3Ke ngoko, niya kukha amanzi ngovuyo emithonjeni yosindiso. 4Niya kuthi ngaloo mini, Dumisani uYehova, libizeni igama lakhe, zivakaliseni ezintlangeni izenzo zakhe, nivakalise ukuba liyingxonde igama lakhe. 5Memelelani uzuko lukaYehova; ngokuba wenze imisebenzi ebalulekileyo, eyaziwa ehlabathini lonke. 6Dumani nivuye, nina bemi baseZiyon, ngokuba mkhulu phakathi kwenu oyiNgcwele kaSirayeli.

Currently Selected:

uIsaya uIsaya 12: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena