uLuka uLuka 19

uLuka 19
1Waye engene uYesu, ecanda eYeriko. 2Kwakho ndoda ibizwa ngegama elinguZakeyu; yaye yona iyintloko yababuthi berhafu; yaye isisityebi yona. 3Yayifuna ukumbona uYesu, ukuba ngubani na; ayaba nako ngenxa yendimbane, ngokuba enesiqu esincinane. 4Wabaleka ke, wakhwela emthini womthombe ukuba ambone, kuba wayeza kudlula ngaloo ndlela. 5Akufika kuloo ndawo, wakhangela phezulu uYesu, wayibona, wathi kuyo, Zakeyu, khawuleza uhle; kuba namhlanje ndimelwe kukuhlala endlwini yakho. 6Wakhawuleza ke, wehla, wamamkela ngobubele, evuya. 7Baye bonke, bakuyibona loo nto, bekrokra, besithi, Ungene waya kulala kwindoda engumoni. 8Wema ke uZakeyu, wathi kuyo iNkosi; Uyabona, isiqingatha sempahla yam, Nkosi, ndisinika amahlwempu; ukuba ndidle into kabani na ngobuxoki, ndimbuyisela kane. 9Uthe ke uYesu kuye, Namhlanje kufike usindiso kule ndlu, ngokokuba naye engunyana ka-Abraham. 10Kuba uNyana woMntu weza kufuna nokusindisa oko kulahlekileyo. 11Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayaziva ezi zinto, uqokele wathetha umzekeliso, ngenxa yokuba ebekufuphi eYerusalem, nangokuba babesiba ubukumkani bukaThixo buza kubonakala kwangoko. 12Uthe ngoko, Umntu othile olinene wahambela ezweni elikude, eya kuzamkelela ubukumkani, aze abuye. 13Ubabizile ke abakhonzi bakhe abalishumi, wabanika iimina zalishumi, wathi kubo, Rhwebani, ndide ndifike. 14Ke abemi bomzi wakhe babemthiyile, bathumela izigidimi emva kwakhe, besithi, Asifuni ukuba lo abe ngukumkani phezu kwethu. 15Kwathi akuba ebuyile, ebamkele ubukumkani, wathi, mababizelwe kuye abo bakhonzi wayebanike imali leyo, ukuze azi ukuba unantsi urhwebe ntoni na. 16Weza ke owokuqala, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zalishumi. 17Uthe kuye, Hee ke, mkhonzi ulungileyo; ngokuba waba nokuthembeka entweni encinanana, yiba negunya kwimizi elishumi. 18Weza nowesibini, esithi, Nkosi, imina yakho yenze iimina zantlanu. 19Wathi nakuye, Nawe yiba phezu kwezixeko ezihlanu. 20Weza nomnye esithi, Nkosi, nantsi imina yakho endibe ndinayo, ndiyibeke eqhiyeni; 21kuba ndibe ndikoyika wena, ngokuba ungumntu obungqabangqaba, uthabatha into ongayibekanga, uvune into ongayihlwayelanga. 22Athi ke kuye, Ndiya kukugweba ngokuphuma emlonyeni wakho, mkhonzindini ungendawo; ubusazi nje ukuba mna ndingumntu obungqabangqaba, othabatha into angayibekanga, avune into angayihlwayelanga; 23ibiyini na phofu, ukuba ungayibeki imali yam ebhankini, ndaza mna ekufikeni ndaba ndiyibize inenzala? 24Wathi kwababemi khona, Mhlutheni imina leyo, niyinike lowo uneemina ezilishumi. 25Bathi ke kuye, Nkosi, uneemina ezilishumi. 26Kuba ndithi kuni, Wonke umntu onako uya kunikwa; ongenako, uya kuhluthwa kwanoko anako. 27Ke zona ezo ntshaba zam zazingathandanga ukuba ndibe ngukumkani phezu kwazo, ziziseni apha, nizincinithe phambi kwam. 28Waye, akuba ezithethile ezi zinto, ehamba ngaphambili, enyuka esiya eYerusalem. 29Kwathi, akuba esondele eBhetefage naseBhetani, entabeni ekuthiwa yeyemiNquma, wesusa bababini kubafundi bakhe, 30esithi, Hambani niye emzaneni lo ukhangelene nani; nothi, nakungena kuwo, nifumane iesile libotshelelwe, ekungazanga kuhlale namnye umntu phezu kwalo; likhululeni nilizise apha. 31Nokuba ubani uyanibuza, esithi, Yini na ukuba nilikhulule? nothi kuye, Liyafuneka eNkosini. 32Basuka ke baya abo babethunyiwe, bafumana kunjengoko abekutshilo kubo. 33Ke kaloku, bakubon’ ukuba bayalikhulula ithole, bathi abaninilo kubo, Nilikhululelani na ithole? 34Bathi ke bona, Liyafuneka eNkosini. 35Balizisa kuYesu, baphosa iingubo zabo phezu kwethole elo, bamkhwelisa uYesu. 36Akubon’ ukuba uyahamba ke, bamana bezandlala iingubo zabo endleleni. 37Ke kaloku, akubon’ ukuba selesondele ekuhleni kwayo iNtaba yemiNquma, yaqala yonke inkitha yabafundi yavuya, yadumisa uThixo ngezwi elikhulu, ngayo yonke imisebenzi yamandla abayibonayo; 38besithi, Makabongwe lo Kumkani uzayo egameni leNkosi; 39Bathi kuye abathile bakubaFarisi esihlweleni apho, Mfundisi, bakhalimele abafundi bakho. 40Waphendula wathi kubo, Ndithi kuni, kuthe cwaka aba, kunkqangaze amatye la. 41Akusondela, wawubona umzi, wawulilela, 42esithi, Akwaba ubusazi nawe lo kwangayo yona le mini yakho, izinto ezizezoxolo lwakho! kungoku zifihliwe emehlweni akho. 43Kuba uya kufikelwa yimihla, eziya kuthi iintshaba zakho zikubiyele ngothango, zikurhangqe, zikuxine ngeenxa zonke; 44zikukhahlele phantsi wena, nabantwana bakho phakathi kwakho; zingashiyi litye phezu kwelitye kuwe; ngokuba ungalazanga ixesha lokuvelelwa kwakho. 45Wayengena etempileni, waqala ukubakhupha abo babethengisa kuyo, nababethenga; 46esithi kubo, Kubhaliwe kwathiwa, Indlu yam yindlu yokuthandaza; ke nina niyenze umqolomba wezihange. 47Wayefundisa imihla ngemihla etempileni apho. Baye ke ababingeleli abakhulu, nababhali, kwanabaziintloko zabantu, befuna ukumtshabalalisa; 48Baye ke bengafumani nto banokuyenza, kuba bonke abantu babemlalele ngenyameko.

Currently Selected:

uLuka uLuka 19: CXB24

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena