iMizekeliso Imizekeliso 28

Imizekeliso 28
1Abangendawo babaleka ababasukelayo; Ke wona amalungisa akholosa njengengonyama. 2Baninzi abathetheli bakho, ngenxa yobugwenxa belizwe; 3Umfo oyintloko ekutshutshiseni isisweli Unjengemvula etshayelayo, ingashiyi kudla. 4Abatyekayo emthethweni badumisa abangendawo; Ke abawugcinayo umyalelo bayazixhokonxa ngabo. 5Abangendawo abanangqondo yodwa; Ke bona abamquqelayo uYehova baqonda izinto zonke. 6Lilungile ihlwempu elihamba ngobulungisa balo, Ngaphezu kongendawo ongendawo, nokuba esisityebi. 7Obamba umyalelo ngunyana onengqondo; Ke yena ohamba namahenyukazi uhlazisa uyise. 8Owongeza ubutyebi bakhe ngorhwebo, ngogonyamelo, Ubuthela obabala abaziintsizana. 9Osusa indlebe yakhe ekuwuthobeleni umyalelo, nomthandazo wakhe ulisikizi. 10Olahlekisa ilungisa ngendlela embi, uya kweyela esihogweni sakhe; ke wona amalungisa aya kukudla ilifa okulungileyo. 11Isityebi siziba sisilumko; Ke zona izisweli ezinengqondo ziyamgocagoca. 12Ekudlamkeni kwamalungisa kwanda uzuko; kodwa xa kuthe kwenyuka ububi, ubani azimele. 13Ocamagushela izono zakhe akayi kuba nampumelelo; kodwa othe wayixela, wayijika, wosinda. 14Hayi, uyolo lomntu ohlala enkwantya; Ke yena ontliziyo ilukhuni weyela ebubini. 15Njengengonyama egqumayo, nebhere ejingayo; Unjalo umlawuli ongendawo kwizisweli. 16Inganga eliswele ukuqonda, linokucudisa okuninzi; Ke yena othiya ubutyebi, uya kongeza imihla. 17Umntu othe wagonyamela ngegazi lakhe, abalekele emhadini; makungabikho bani umnqandayo. 18Ohamba ngobulungisa uya kusindiswa; Ke ongendawo uyakhubeka ngeendlela zakhe. 19Osebenza amasimi akhe woba nentabalala; 20Umntu onyanisekileyo uneentsikelelo ezininzi; Ke yena ongxamayo ukuba sisityebi, akabi msulwa. 21Ukuhlonela umntu akulunganga, kuba umntu wona ngenxa yeqhekeza lesonka. 22Indoda eliso libi ikhawulezela ukutyeba; Akacingi ukuba ukuswela kuya kuyifikela. 23Omohlwayayo wothi kamva afumane inceba, Ngaphezu koncoma ngolwimi. 24Ophanga uyise nokuba ngunina, athi, Asinto imbi leyo; ifana neqabane lesikrelemnqa. 25Okhukhumeleyo uxhaya ihlazo; Ke yena okholose ngoYehova uyatyetyiswa. 26Okholose ngentliziyo yakhe usisidenge; ke yena ohamba ngengqiqo uya kusindiswa. 27Opha ihlwempu akasweli; Ke yena ofihla amehlo akhe uneengqalekiso ezininzi. 28Ekuphakameni kwabangendawo bayasithela abantu; kodwa xa etshabalala ayanda amalungisa.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena