IZIKRONIKE I 4:10 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
IZIKRONIKE I 4:10 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
UYabhetse wamnqula uThixo wakwaSirayeli, wathi, Ngamana wandisikelela, wawandisa ummandla wam, isandla sakho saba nam, wandithintela ebubini, ukuze ndingabulaleki. UThixo wamenzela loo nto wayicelayo.
IZIKRONIKE I 4:10 XHO96 (IBHAYIBHILE)
UYabeze lo wazibika kuThixo wakwaSirayeli, wathi: “Ngamana wandithamsanqelisa, wawandisa umhlaba wam. Nceda ube nam, undikhusele ebubini, ukuze ndingafi yintlungu.” Ke uThixo wamenzela loo nto ayicelileyo.
IZIKRONIKE I 4:10 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wabiza u‐Yabetse KUTIXO wo‐Sirayeli, esiti: Wanga ungakolisa ukunditamsanqela, uwandise umda wam, siti isandla sako sibe kunye nam, uze undinqande ebubini, ukuze bungandenzi buhlungu! Wati UTIXO wamamkelisa oko wakucelayo.
IZIKRONIKE I 4:10 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
uYabhetse wambongoza uTHIXO kaSirayeli, esithi: “Owu, ukuba ngokwenene uyafuna ukundisikelela waza wandisa ilizwe lam, ukuba isandla sakho sibe phezu kwam nokuba undikhusele ebubini, ukuze ndingandenzakalisanga. Waza uThixo wamnika oko akucelayo.