KAPETROS I 3:3-4
KAPETROS I 3:3-4 IBHAYIBHILE (XHO96)
Musani ukuhombela ukubukwa ngokuluka iinwele, nitsho ngezacholo zegolide nempahla engayiwayo. Isihombo senu masibe sesangaphakathi, esingagugiyo. Umoya omhle wobulali yinto ayixabisileyo uThixo.
KAPETROS I 3:3-4 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ukuhomba kwenu makungabi kokwangaphandle, kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo; Makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.
KAPETROS I 3:3-4 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Abakuhomba makungabi koko kungapandle, njengokwokupota inwele, nokwokufaka igolide, nokwokwambata izivato; koko makube ngumntu ositeleyo wentliziyo, ngokuhomba okungonakaliyo kwomoya olulamileyo nozolileyo, olixabiso elikulu ebusweni BUKATIXO.
KAPETROS I 3:3-4 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ukuhomba kwenu makungabi kokwangaphandle, kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo; makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo.