KUTIMOTI I 2:1-2
KUTIMOTI I 2:1-2 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke; ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke.
KUTIMOTI I 2:1-2 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke; Ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni; ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke.
KUTIMOTI I 2:1-2 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kuqala, ndiqononondisa ndisithi: izicelo, imithandazo, izikhungo, nemibulelo, mazenzelwe bonke abantu. Iinkosi nabasemagunyeni bonke mabathandazelwe, ukuze kubekho inzolo noxolo ehlabathini, sihlale ngokoyika nangokuhlonela uThixo.
KUTIMOTI I 2:1-2 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
NDITI ke okwokuqala ndiyale ukuba kwenziwe izikungo, imitandazo, izitaṙuziso, nemibulelo, ngenxa yabantu bonke; ngenxa yabo okumkani nabo bonke abasebukosini; ukuze sihlale ngokuhlala okuxolileyo nokuzolileyo kubo bonke ububedesho nokuzibeka.