IEKSODUS 10:21-23
IEKSODUS 10:21-23 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Wandula wati UYEHOVA ku‐Mosesi: Yolula isandla sako ngasezulwini, kuze kubeko ubumnyama pezu kwelizwe le‐Jipete, kude kuveke ubumnyama. Wasuka u‐Mosesi wolula isandla sake ngasezulwini; kwaza kwabako ubumnyama obubungqingqwa kulo lonke ilizwe le‐Jipete imihla yamitatu: ababonana, kanjako akasuka mntu endaweni yake, ngaleyomihla mitatu: kanti kulo lonke usapo luka‐Sirayeli bekuko ukukanya emakayeni alo.
IEKSODUS 10:21-23 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, ubumnyama obungqingqwa. Wasolulela uMoses insandla sakhe ezulwini; kwabakho ubumnyama obusithokothoko ezweni lonke laseYiputa imihla emithathu. Àbabonana; àkwasuka bani endaweni yakhe imihla emithathu; ke kubo bonke oonyana bakaSirayeli kwabakho ukukhanya emakhayeni abo.
IEKSODUS 10:21-23 IBHAYIBHILE (XHO96)
Waphinda *uNdikhoyo wayalela uMosis ukuba aphakamisele isandla sakhe esibhakabhakeni, ukuze kubekho isithokothoko sobumnyama kulo lonke elaseJiputa, esatsho baziimpumputela abantu. Wasiphakamisa ke uMosis isandla sakhe, kwaza kwakho isithokothoko sobumnyama esabetha kwathi thsu iintsuku ezintathu kulo lonke elaseJiputa. Obo bumnyama ke batsho amaJiputa akabi nako nokubonana oku, engenako nokuphuma endlwini ezo ntsuku zontathu. Kanti ke kwisiphaluka samaSirayeli kwakukhanya.
IEKSODUS 10:21-23 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Wathi uYehova kuMoses, Yolulela isandla sakho ezulwini, kubekho ubumnyama ezweni laseYiputa, bugutyungelwe bubumnyama. Wasolulela uMoses isandla sakhe ezulwini; kwaza kwakho ubumnyama nesithokothoko kulo lonke ilizwe laseYiputa iintsuku ezintathu. Ababonana, yaye kangangeentsuku ezintathu akukho bani uvukayo kwindawo yakhe yokuhlala, kodwa kubo bonke oonyana bakaSirayeli kwabakho ukukhanya ezintenteni zabo.