IEKSODUS 13:21-22
IEKSODUS 13:21-22 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
UYehova wahamba phambi kwabo ngomqulu welifu emini, ebakhokela ngendlela; ngomqulu womlilo ebusuku, ebakhanyisela, ukuze bahambe imini nobusuku. Awusukanga umqulu welifu emini, nomqulu womlilo ebusuku, phambi kwabantu.
IEKSODUS 13:21-22 IBHAYIBHILE (XHO96)
Apho ke eluhambeni *uNdikhoyo wayewakhokela ngomqulu welifu emini, aze ebusuku awakhokele ngesithatha somlilo. Lo mqulu welifu ke wawuhlala uhamba phambi kwawo emini, nesithatha somlilo sisenjenjalo ebusuku.
IEKSODUS 13:21-22 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
uYehova wabakhokela ngelifu emini, ukuba abakhaphele endleleni; ebusuku ngesibane somlilo ukubakhanyisela; ukuhamba imini nobusuku: Akalisusa ilifu emini, nelifu lomlilo phambi kwabantu ebusuku.
IEKSODUS 13:21-22 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza UYEHOVA wahamba pambi kwabo, emini entsikeni yelifu, ukuba abakokele endleleni, nasebusuku entsikeni yomlilo, ukuba abakanyisele, kuze kuhanjwe emini nasebusuku. Ayemka intsika yelifu emini, kwa nentsika yomlilo ebusuku, ebusweni babantu.