UMATEYU 5:22 - Thelekisa Zonke Iinguqulelo
UMATEYU 5:22 XHO75 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw' ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; othe ke, Siyathandini, woba sisisulu sesihogo somlilo.
UMATEYU 5:22 XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke mna ndithi kuni, wonke umntu osuka amqumbele uwabo usisisulu somgwebo. Nothi kuwabo: ‘Ntw' ingento,’ usisisulu sokugwetywa yinkundla ephakamileyo. Ke othi: ‘Siyathandini,’ usisisulu sesihogo somlilo.
UMATEYU 5:22 XHO1902A (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Mna kanti nditi kuni: Osukuba equmbela umzalwana wake kungeko nto, uya kumelwa ngamatyala amancinane; nosukuba esiti kumzalwana wake: Geza! uya kumelwa ngamatyala amakulu; kodwa osukuba esiti: Nkewundini! uya kumelwa kukuposwa esihogweni somlilo.
UMATEYU 5:22 CXB24 (Contemporary Xhosa Bible 2024)
Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw’ ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; uya kuba sengozini yesihogo somlilo.