UNEHEMIYA 9:16-17
UNEHEMIYA 9:16-17 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Ke bona oobawo bakhukhumala, bazenza lukhuni iintamo zabo, àbayiphulaphula imithetho yakho. Àbavuma ukuva, àbayikhumbula imisebenzi yakho ebalulekileyo, owayenzayo kubo. Bazenza lukhuni iintamo zabo, bamisa iintloko, ukuba babuyele ebukhobokeni babo ngeenkani zabo; wena wathi, kuba ùnguThixo wokuxolela, ubabala, unemfesane, uzeka kade umsindo, umninzi ngenceba, àkwabashiya.
UNEHEMIYA 9:16-17 IBHAYIBHILE (XHO96)
“Kodwa ke bona oobawo-mkhulu suka bakhukhumala banenkani, abayithobela imiyalelo yakho. Abavumanga kuphulaphula, bayilibala imimangaliso yakho owayenza phakathi kwabo. Suka bankaniza bagwilika, bazinyulela inkokheli, befuna ukuphindela ebukhobokeni. Kambe ke wena unguThixo oxolelayo, wambeth' isisa novelwano, ucaphuka kade, uphuphum' uthando. Ewe, wena akubalahlanga.
UNEHEMIYA 9:16-17 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bakhukhumala bona noobawo bethu, bazenza lukhuni iintamo zabo, àbayiphulaphula imithetho yakho. Kwaye akavumanga ukuphulaphula, kwaye akazange acinge ngemimangaliso yakho owayenzayo phakathi kwabo; Wazenza lukhuni iintamo zabo, wabenza umlawuli ezikreqweni zabo, babuyela ebukhobokeni babo; kodwa wena unguThixo oxolelayo, onemfesane, onemfesane, oqinisekileyo, onenceba enkulu, akwabafulathela.
UNEHEMIYA 9:16-17 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa bona nobawo betu benza nger̔atshi, bazenza lukuni intamo zabo, abapulapula imiyalelo yako, bala ukuva, abakumbulela imimangaliso yako obuyenzile pakati kwabo; bazenza lukuni intamo zabo, bati ngenkani yabo badala intloko, ukuba babuyele ebukobokeni babo: kodwa wena UNGUTIXO wezixolelo, onofefe, onetaṙu, oqumba kade, onobubele obukulu; ngako ubungabashiyanga.