ISITYHILELO 6:5-6
ISITYHILELO 6:5-6 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Naxeshekweni yasinqikayo esesitatu isincamatiselo, ndeva esesitatu isidalwa esipilileyo sisiti: Yiza ukangele. Ndaza ndabona, kekaloku bona ke, ihashe elimnyama, nalowo uhleli pezu kwalo epete isilinganiselo esandleni sake. Ndaza ndeva ilizwi pakati kwazo izidalwa ezipilileyo zozine lisiti: Ibekile ibe nye yenqolowa ngedenari, nebekile zibe ntatu zeṙalasi ngedenari; uze ungenzakalisi ioli neveyine.
ISITYHILELO 6:5-6 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Xa yalivulayo elesithathu itywina, ndeva eyesithathu into ephilileyo isithi, Yiza ubone. Ndabona, nalo ihashe elimnyama; lowo ke wayehleli phezu kwalo ubenesikali• sokulinganisa esandleni sakhe. Ndeva izwi esazulwini sezinto eziphilileyo zoné, lisithi, Ibhekile yengqolowa iya kudla idenariyo,• neebhekile ezintathu zerhasi zidle idenariyo, ioli newayini uze ungayoni.
ISITYHILELO 6:5-6 IBHAYIBHILE (XHO96)
IXhwane lithe lisakuluqhaqha uphawu lwesithathu, ndeva isilwanyana sesithathu sisithi: “Yiz' apha!” Ndithe ndakukhangela ndabona ihashe elimnyama. Lowo wayekhwele kulo wayephethe isikali sokulinganisa, ngesandla. Kananjalo ndeva isandi esingathi lilizwi, siphuma kweziya zilwanyana zine. Lathetha lathi: “Isitya sengqolowa singangomvuzo wemini enye; izitya ezithathu zamazimba zingangomvuzo wemini enye; kambe ke uze ungadlalisi ngawo amafutha ndawonye newayini.”
ISITYHILELO 6:5-6 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Xa yalivulayo elesithathu itywina, ndeva eyesithathu into ephilileyo isithi, Yiza ubone. Ndabona, nalo ihashe elimnyama; lowo ke wayehleli phezu kwalo wayenesikali esandleni sakhe. Ndaza ndeva izwi esazulwini sezinto eziphilileyo zone, lisithi, Ibhekile yengqolowa iya kudla idenariyo, neebhekile ezintathu zerhasi zidle idenariyo; ioli newayini uze ungayoni.