Iziphumo zokukhangela

ISITYHILELO 9:6 (XHO75)

Ngaloo mihla abantu baya kukufuna ukufa, bangakufumani; baya kukunqwenela ukufa, kusuke ukufa kusabe kubo.

IZIKRONIKE II 24:15 (XHO75)

Ke uYehoyada wayeseleyingwevu, ehambisekile ebudaleni, ukufa kwakhe. Ebeminyaka ilikhulu linamanci mathathu ezelwe, ukufa kwakhe.

ISITYHILELO 20:14 (XHO75)

Kwaza ukufa nelabafileyo kwaphoswa edikeni lomlilo.

KWABASEKORINTE I 15:18 (XHO75)

ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele.

IINDUMISO 116:15 (XHO75)

Kunqabile emehlweni kaYehova Ukufa kwakbakhe benceba.

KWABASEKORINTE I 15:21 (XHO75)

Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo.

KWABASEFILIPI 1:21 (XHO75)

Kuba kum mna, ukudla ubomi kunguKristu, ukufa kuyinzuzo.

UYOBHI 3:21 (XHO75)

Ábalindé ukufa, kusuke kungabikho; Ábakumbayo ngaphezu kobutyebi obuselelweyo;

KWABASEROMA 5:12 (XHO75)

Ngenxa yoko, njengokuba isono sangena ngamntu mnye ehlabathini, kwangena ke ukufa ngaso isono; kwaza ngokunjalo ukufa kwabatyhutyha abantu bonke, ekubeni bonke bonayo;

KWABASEKORINTE II 4:12 (XHO75)

Ngoko ke kusebenza ukufa kuthi, ke kuni kusebenza ubomi.

KWABASEKORINTE I 15:20 (XHO75)

UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa.

IMIZEKELISO 8:36 (XHO75)

Ophosana nam wona owakhe umphefumlo; Bonke abandithiyayo bathanda ukufa.

IMIZEKELISO 18:21 (XHO75)

Ukufa nokuphila kusemandleni olwimi; Abaluthandayo baya kudla isiqhamo salo.

IDUTERONOMI 30:15 (XHO75)

Khangela, ndibeké phambi kwakho namhla ubomi nokulunga, ukufa nobubi;

UYONA 4:8 (XHO75)

Kwathi ekuphumeni kwelanga, uThixo wamisela ulophu lwasempumalanga; ilanga labetha kuYona entloko, wawa isiduli; wawucelela ukufa umphefumlo wakhe, wathi, Kulungile ukufa kum, kunokuba ndidle ubomi.

UYOBHI 7:15 (XHO75)

Wada umphefumlo wam wanyula ukukrwitshwa; Wanyula ukufa ngaphezu kwamathambo la.

KWABASEROMA 6:9 (XHO75)

sisazi ukuba uKristu, evusiwe nje kwabafileyo, akabi safa; ukufa akusamphathi ngabukhosi.

KWABASEKORINTE I 11:30 (XHO75)

Ngenxa yoku baninzi phakathi kwenu abaswele amandla, nabayimilwelwe, banelè nabalele ukufa.

KUMAHEBHERE 9:16 (XHO75)

Kuba apho kukhoyo umnqophiso womyoleli, kufuneka ukuba kucace ukufa kwalowo unqophisileyo.

UHEZEKILE 18:32 (XHO75)

Ngokuba akumnandi kum ukufa kofayo; itsho iNkosi uYehova. Zibuyiseni ke niphile.

UHEZEKILE 28:10 (XHO75)

Ùya kufa ukufa kwabangalukileyo ngesandla sabasemzini, ngokuba ndithethile; itsho iNkosi uYehova.

IINDUMISO 69:20 (XHO75)

Ingcikivo yaphula intliziyo yam, ndaphantsa ukufa; Ndathemba ukukhuzwa, akwabakho; Nokuthuthuzelwa, andakufumana.

IINDUMISO 13:3 (XHO75)

Bheka undiphendule, Yehova, Thixo wam; Khanyisa amehlo am, hleze ndilale ukufa;

UISAYA 38:18 (XHO75)

Kuba elabafileyo alinakukuncoma, ukufa akunakukudumisa; Abahla baye emhadini àbakulindele ukunyanisa kwakho.

KWABASEROMA 6:10 (XHO75)

Kuba ukufa awakufayo, wakufa kwisono kwaba kanye; ubomi ke abudlayo, ubudlela kuThixo.