Iziphumo zokukhangela
KWABASE-EFESE 4:26 (XHO75)
Qumbani, ningoni; ilanga malingade litshone nicaphukile;
EKAYAKOBI 1:19 (XHO75)
Ngoko ke, bazalwana bam baziintánda, makathi umntu wonke enze msinya ukuva, enze kade ukuthetha, enze kade ukuqumba;
EKAYAKOBI 1:20 (XHO75)
kuba ingqumbo yendoda ayisebenzi bulungisa bukaThixo.
KWABASE-EFESE 4:31 (XHO75)
Mabukhweleliswe kuni bonke ubukrakra, nomsindo, nengqumbo, nengcolo, nonyeliso, ndawonye nolunya lonke.
IMIZEKELISO 19:11 (XHO75)
Ingqiqo yomntu imenza azeke kade umsindo; Sisihombo sakhe ukulugqitha ukreqo.
UMATEYU 5:22 (XHO75)
Ke mna ndithi kuni, Wonke umntu ofumana amqumbele umzalwana wakhe, woba sisisulu somgwebo; othe ke kumzalwana wakhe, Ntw' ingento, woba sisisulu sentlanganiso yamatyala; othe ke, Siyathandini, woba sisisulu sesihogo somlilo.
IINDUMISO 37:8 (XHO75)
Lahla umsindo, ushiye ubushushu; Musa ukuzivuthisa ngomsindo, kuba oko kusingisa ekwenzeni ububi kuphela.
IMIZEKELISO 14:29 (XHO75)
Ozeka kade umsindo unengqondo eninzi; Ke yena ozekanekayo ucaphula ukumatha.
IMIZEKELISO 15:1 (XHO75)
Impendulo ethambileyo ibuyisa ubushushu; Ilizwi elidubulayo linyusa umsindo.
INTSHUMAYELI 7:9 (XHO75)
Musa ukukungxamela ukuqumba ngomoya wakho, ngokuba ingqumbo ilala esifubeni sezidenge.
IMIZEKELISO 29:11 (XHO75)
Isinyabi siya kukhupha konke ukufutha kwaso, Ke sona isilumko sikudambisela embilinini yaso.
IMIZEKELISO 16:32 (XHO75)
Ozeka kade umsindo ulunge ngaphezu kwegorha; Okulawulayo ukufutha kwakhe ulunge ngaphezu kothimba umzi.
IMIZEKELISO 15:18 (XHO75)
Indoda enobushushu ixhaya ingxabano; Ezeka kade umsindo idambisa imbambano.
KWABASEROMA 12:19 (XHO75)
Musani ukuziphindezelela, zint'anda; yikhweleleni ingqumbo; kuba kubhaliwe kwathiwa , Impindezelo yeyam, kuya kubuyekeza mna, itsho iNkosi.
KWABASEKOLOSE 3:8 (XHO75)
Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke: ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu.
IMIZEKELISO 21:14 (XHO75)
Isipho entsithelweni sinqanda umsindo, Isicengo esondweni lengubo sinqanda umsindo onamandla.
IINDUMISO 78:21 (XHO75)
Weva ke uThixo, waphuphuma umsindo wakhe, Watsha umlilo kwaYakobi, Kwenyuka kwaya umsindo kwaSirayeli;
IINDUMISO 103:9 (XHO75)
Akaphiki kuphele, Akawugcini umsindo ngonaphakade.
IGENESIS 49:7 (XHO75)
Uqalekisiwe umsindo wabo, ngokuba unobungcwangu: Ukuphuphuma kwabo umsindo, ngokuba unzima. Ndiya kubachithachitha kwaYakobi, Ndibaphangalalise kwaSirayeli.
UYOBHI 32:2 (XHO75)
Wavutha umsindo kaElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, owemizalwane yakwaRam; wavutha kuYobhi umsindo wakhe, ngenxa yokuzigwebela ngokwakhe kunoThixo.
INUMERI 12:9 (XHO75)
Wavutha umsindo kaYehova kubo, wemka yena.
KWABASEKORINTE I 13:4 (XHO75)
Uthando luzeka kade umsindo, lunobubele; uthando alunamona; uthando alugwagwisi;
KWABASE-EFESE 4:2 (XHO75)
nínako konke ukuthobeka kwentliziyo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana,
IINDUMISO 78:59 (XHO75)
Weva uThixo, waphuphuma umsindo, Wawacekisa kakhulu amaSirayeli;
INUMERI 25:3 (XHO75)
AmaSirayeli azibandakanya ke noBhahalipehore.• Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli.