1
KUMAHEBHERE 2:18
IZIBHALO EZINGCWELE
Kuba ekubeni eve ubunzima, ehendiwe naye ngokwakhe, unako ukubasiza abahendwayo.
Thelekisa
Phonononga KUMAHEBHERE 2:18
2
KUMAHEBHERE 2:14
Ekubeni ngoko abantwana abo bengamadlelane naye ngenyama negazi, wathi naye ngokwakhe ngokukwanjalo wabelana nabo ngezo zinto, ukuze ngako ukufa ambhangise lowo unamandla okufa, oko kukuthi, uMtyholi lo
Phonononga KUMAHEBHERE 2:14
3
KUMAHEBHERE 2:1
Ngenxa yoko, simelwe kukuzinyamekela ngokugqithiseleyo izinto esazivayo, hleze sikhukuliswe simke kuzo.
Phonononga KUMAHEBHERE 2:1
4
KUMAHEBHERE 2:17
Ekuthe ngoko wafanelwa kukuba afane nabazalwana bakhe ngezinto zonke, ukuze abe ngonenceba, kwanombingeleli othembekileyo omkhulu ezintweni ezilunge kuThixo, ukuze azicamagushele izono zabantu.
Phonononga KUMAHEBHERE 2:17
5
KUMAHEBHERE 2:9
Ke sibona lo uncitshiswe kancinane kunezithunywa zezulu, uYesu ke, ethe ngenxa yeentlungu zokufa wathweswa uzuko nembeko, ukuze ngobabalo lukaThixo eve ukufa ngenxa yabo bonke.
Phonononga KUMAHEBHERE 2:9
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo