1
UYOSHUWA 1:9
IBHAYIBHILE
Kaloku ndim okuyalelayo. Yomelela ke, ukhaliphe. Uze ungoyiki unkwantye; kaloku mna Ndikhoyo Thixo wakho ndiya kusoloko ndisecaleni kwakho naphi na apho unyathela khona.”
Thelekisa
Phonononga UYOSHUWA 1:9
2
UYOSHUWA 1:8
Kufuneka incwadi yomthetho ikukhokele kuyo yonke into oyithethayo. Uze uyifunde uyigocagoce ubusuku nemini, uzazi uzithobele izinto ezibhaliweyo kuyo. Xa wenjenjalo woba nenkqubela nempumelelo.
Phonononga UYOSHUWA 1:8
3
UYOSHUWA 1:7
Yomelela ke, ukhaliphe kunene! Uze unyamekele ukuwuthobela wonke umthetho owuwiselwe nguMosis isicaka sam. Khon' ukuze ube nempumelelo naphi na apho uya khona, ungàze uphambuke kuwo nakancinane.
Phonononga UYOSHUWA 1:7
4
UYOSHUWA 1:5
Akukho namnye uya kumelana nawe yonke imihla yokudla kwakho ubomi. Ndiya kuhlala ndisecaleni kwakho njengoko bendenjenjalo nakuMosis. Andiyi kukuyekela; andiyi kukushiya.
Phonononga UYOSHUWA 1:5
5
UYOSHUWA 1:6
Yomelela, ukhaliphe, kuba uza kubangenisa aba bantu kweli lizwe endithembise ooyise-mkhulu ngesifungo ukuba loba lilifa labo.
Phonononga UYOSHUWA 1:6
6
UYOSHUWA 1:3
Indawo nganye eniya kunyathela kuyo ndininika yona njengoko ndamthembisayo uMosis.
Phonononga UYOSHUWA 1:3
7
UYOSHUWA 1:2
wathi: “UMosis, isicaka sam, ubhubhile. Ke wena namaSirayeli ephela wuweleni umlambo iJordan, niye kwelo lizwe ndininika lona.
Phonononga UYOSHUWA 1:2
8
UYOSHUWA 1:1
Akuba ebhubhile uMosis, isicaka *sikaNdikhoyo, uNdikhoyo wabhekisa kuYoshuwa unyana kaNune owayesisandla sikaMosis
Phonononga UYOSHUWA 1:1
9
UYOSHUWA 1:4
Imida yenu yosuka ezantsi entlango, iye kuma ngeentaba zaseLebhanon emantla, isuke empumalanga kumlambo iEfrati, ibandakanye ummandla wamaHeti, iye kuthi gaa ngolwandle entshonalanga.
Phonononga UYOSHUWA 1:4
10
UYOSHUWA 1:18
Nabani na ophikisana nawe, angawathobeli amazwi akho, angenzi nantoni na usiyalelayo, wobulawa. Nto nje yomelela wena, ukhaliphe!”
Phonononga UYOSHUWA 1:18
11
UYOSHUWA 1:11
“Tyhutyhani umzi, nixelele amaSirayeli ukuba alungise umphako wendlela, kuba kuza kuhanjwa emva kweentsuku ezintathu, kuwelwe iJordan, kuthinjwe ilizwe enilinikwe *nguNdikhoyo uThixo wenu ukuze libe lelenu.”
Phonononga UYOSHUWA 1:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo