1
KUTITO 2:11-12
IBHAYIBHILE
Kaloku uThixo usibonakalisile isisa sakhe, ukuze asindise lonke uluntu. Ngaso safundiswa ukuzilumla kwizinto ezisahlukanisa noThixo, nakwiminqweno emibi. Sifundiswe nokuhlala singcathu sinyanisekile, nokuhlonela uThixo kobu bomi.
Thelekisa
Phonononga KUTITO 2:11-12
2
KUTITO 2:13-14
Senjenjalo sikhangele ngethemba kuloo mhla aya kuvela ngawo enobungangalala uThixo wethu omkhulu, uMsindisi wethu uYesu Krestu. Nguye owazenza idini ngenxa yethu, wasikhupha ekudeleni umthetho. Wasenza abantu bakhe abanyulu, abalangazelela ukwenza okulungileyo.
Phonononga KUTITO 2:13-14
3
KUTITO 2:7-8
Kuyo yonke into oyenzayo yiba ngumzekelo omhle kubo. Xa ufundisa, mababone ukuzimisela nokundiliseka kwakho. Yonke intetho yakho mayibe ngamazwi akhethiweyo, ukuze okuphikisayo akhohlwe kukuthetha, axakeke, angabi nandawo yakugxeka.
Phonononga KUTITO 2:7-8
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo