1
IsiThyilelo IsiThyilelo 21:4
Contemporary Xhosa Bible 2024
Azisule uThixo zonke iinyembezi emehlweni abo; kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho nasijwili, nakukhala, nantlungu; ngokuba izinto zokuqala zigqithile.
Thelekisa
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 21:4
2
IsiThyilelo IsiThyilelo 21:5
Waza lowo uhleli phezu kwetrone wathi, Uyabona, izinto zonke ndizenza ntsha. Wathi kum, Bhala; ngokuba la mazwi ayinyaniso, athembekileyo.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 21:5
3
IsiThyilelo IsiThyilelo 21:3
Ndeva izwi elikhulu liphuma emazulwini, lisithi, Yabona, umnquba lo kaThixo unabantu; uya kuhlala nabo emnqubeni, bona babe ngabantu bakhe, yena uThixo abe nabo, enguThixo wabo.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 21:3
4
IsiThyilelo IsiThyilelo 21:6
Wathi kum, Kwenzekile. Mna ndinguAlfa no-Omega, isiqalo nesiphelo; mna ndomnika lowo unxaniweyo emthonjeni wamanzi obomi, ngesisa.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 21:6
5
IsiThyilelo IsiThyilelo 21:7
Lowo weyisayo uya kuzidla ilifa izinto zonke; kwaye ndiya kuba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 21:7
6
IsiThyilelo IsiThyilelo 21:8
Ke wona amagwala, nabangakholwayo, nabangamasikizi, nababulali, nabenzi bombulo, nabakhafuli, nabakhonzi bezithixo, nawo onke amaxoki, isabelo sawo siya kuba sedikeni elivutha umlilo nesulfure. Oko kukufa kwesibini.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 21:8
7
IsiThyilelo IsiThyilelo 21:1
Ndabona izulu elitsha, nomhlaba omtsha; kuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba udlule, nolwandle alusekho, akwaba sabakho lwandle.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 21:1
8
IsiThyilelo IsiThyilelo 21:2
Ndaza mna, Yohane, ndawubona umzi ongcwele, iYerusalem entsha, usihla uphuma kuThixo, uphuma emazulwini, ulungisiwe njengomtshakazi ehonjiselwe indoda yakhe.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 21:2
9
IsiThyilelo IsiThyilelo 21:23-24
Ke umzi lowo awufuni langa, kwanayo inyanga, kuba ubuqaqawuli bukaThixo buwukhanyisela, nayo iMvana isisibane sawo. Iintlanga zabo basindiswayo ziya kuhamba ekukhanyeni kwawo; ookumkani bomhlaba bazise kuwo uzuko nembeko yabo.
Phonononga IsiThyilelo IsiThyilelo 21:23-24
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo