KAPETROS I 3:8-9
KAPETROS I 3:8-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
UKUPELA ke, yibani nonke nivumelana, nivelana ngobubele, nitandana njengabazalwana, ninenceba, ninobuhlobo: ningapindezeli ngobubi ngenxa yobubi, umhlaumbi ngokutuka ngenxa yokutuka; kodwa ngelinye icala nitamsanqelisa; nisazi nje ukuba nabizelwa kwa oku, ukuze nizuze itamsanqa.
KAPETROS I 3:8-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nobubele. Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; kanye ke sikelelani, nisazi ukuba nabizelwa oku, ukuze niyidle ilifa intsikelelo.
KAPETROS I 3:8-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ndiphetha ngelithi: Velanani, nibe moya mnye. Thandanani, nenzelane ububele, nilulamelane. Ningakhuphani zixhiba, nigwexane. Ndaweni yaloo nto thethani ngobulali. Eyona nto nibizelwe yona yeyokuba nifumane ilifa leentsikelelo
KAPETROS I 3:8-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Elokugqiba, cingani nto-nye nonke, velanani, thandanani njengabazalwana, yibani nemfesane kakhulu, yibani nembeko; Ningabuyekezi ububi ngobubi, nokutshabhisa ngokutshabhisa; nisazi nje ukuba nabizelwa oko, ukuze niyidle ilifa intsikelelo.