Ngaba Ngokwenene Ndinokusoyisa Isono Nesilingo?Isampulu

Can I Really Overcome Sin and Temptation?

Usuku 1 LWE 5

Ngaba Ngokwenene Ndinokusoyisa Isono Nesilingo?

Kweyoku-1 kaSamuweli 13:14, umprofeti uSamuweli uxelela uSawule, ukumkani wakwaSirayeli, ukuba uthatyathelw’ indawo ngenxa yokuba “UYehova uzifunele indoda engantliziyo yakhe; wayimisa uYehova ukuba ibe yingànga yabantu bakhe.”

Kodwa ke, emva kwamashumi eminyaka, la “ndoda engantliziyo yakhe” yakrexeza nomfazi otshatileyo, nto leyo yaphumela ekubeni akhulelwe, kwaye ngokuphumelelayo yenza iyelenqe lokubulala umyeni wakhe ukuze ithabathele umfazi njengomfazi wayo.

Kwesi siganeko sinye, uKumkani uDavide wophula elithoba kwiMithetho Elishumi:

10: Wanqwenela umfazi wommelwane wakhe.

9: Waxoka ngesono sakhe.

8: Wambela kuye umfazi.

7: Wakrexeza.

6: Wabulala umyeni.

5: Akazange abathobele abazali bakhe.

2: Wenza umfanekiso oqingqiweyo ngoBhatshebha.

Eyoku-1 neyesi-3: Wamhlazisa uThixo negama lakhe.

Noko ke uDavide akazange ayaphule iSabatha-ngokokwazi kwethu.

Kwakutheni ukuze umntu ongowentliziyo kaThixo ze enze le nto?

Kutheni sisona? Sisoyisa njani isihendo? Senza njani xa singakwazi?

Yile nto siza kuxoxa ngayo kwezi ntsuku zine zilandelayo.

Lindela Ukuhendeka

Xa uYesu woyisa iintlaselo zikaSathana, utshaba “lwasuka kuye umzuzu” (uLuka 4:13). Ukuba iNkosi yethu yajamelana nesihendo, siya kwenjenjalo nathi.

Umtyholi ngowokwenyani kakhulu, kwaye uyakuzonda. Ulutshaba lwakhe. UYesu wasilumkisa ukuba uMtyholi "ungumbulali kwasekuqaleni," "ulixoki noyise wobuxoki" (uYohane 8:44). “Uyingonyama egqumayo efuna ubani engamqwengayo” (1 kaPetrose 5:8). Uyahenda kwaye akhohlise thina sonke.

Nasi isizathu: “Ithi inkanuko, yakuba ithabathile, izale isono; sithi ke isono, sakuba sikhulelwe, sizale ukufa.” (ekaYakobi 1:15).

Yiphawule phantsi: isono soloko sikusa kude kunalapho ubufuna ukuya, sikugcine ixesha elide kunelo ubuzimisele ukulihlala, kwaye sikwenza ubhatale ngaphezulu koko ubuzimisele ukubhatala.

Ngalo lonke ixesha.

Khawubuze nje uKumkani uDavide. Funda eyesi-2 kaSamuweli 12 ukuva ngeziphumo ezikhwankqisayo.

Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

Can I Really Overcome Sin and Temptation?

Ngaba wakha wazibuza, ukuba “Kutheni ndisajijisana nesi sono?” Kwanompostile uPawulos wathetha njalo kwabaseRoma 7:15: “Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza.” Sisinqanda njani isono ekubeni sithintele ubomi bethu basemoyeni? Ngaba kunako ukwenzeka? Masixoxe ngesono, isihendo, uSathana, kwaye, ngombulelo, ngothando lukaThixo.

More

Sithanda ukubulela uDenison Forum ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: http://www.denisonforum.org