Ngaba Ngokwenene Ndinokusoyisa Isono Nesilingo?Isampulu

Can I Really Overcome Sin and Temptation?

Usuku 2 LWE 5

Ngaba Ngokwenene Sikho Isidalwa Esibizwa ngokuba nguSathana?

Ukuze sixoxe ngesono, simele sithethe ngoSathana. Akunawukwazi ukuwutyeshela umsebenzi wakhe: iintliziyo namakhaya aphukileyo, ukuxhatshazwa, izifo, nokuziphatha okubi. Uluhlu lude kwaye lubuhlungu. 

USathana uzinto zimbini ngowokwenyani kwaye woyisiwe. Ufuna ukuba ungakholelwa nenye, kodwa ukhetho lolwakho. Ndiyathandaza ukuba olu nqulo lutyhile inyaniso kaThixo kuwe.

USathana Ukho Ngokwenene

USathana ubizwa ngamagama aliqela eBhayibhileni. Amabini esiwazi ngakumbi “nguSathana” “noMtyholi.” Igama lokuqala lithetha “ummangaleli” yaye lifumaneka izihlandlo ezingamashumi amathathu anesine eSibhalweni—lowo usityholayo nosixhaphazayo. Mtyholi lifumaneka izihlandlo ezingamashumi amathathu anesithandathu kwiTestamente Entsha yaye ngokoqobo lithetha “umnyelisi.”

USathana ukwabizwa ngokuba "yinyoka endala," "inamba," "nalowo ungendawo." Inkcazelo kaYesu ngomsebenzi kaSathana kuYohane 8:42–47 yintendelezo eyoyikekayo ngokwenene.

Okokuqala, uSathana unebango layo yonke imiphefumlo engasindiswanga.

KuYohane 8, iNkosi yethu ibhekisela kwiintshaba zayo njengabantwana "bakayise" wabo uSathana (v. 44). ungu “uthixo weli phakade” (2 KwabaseKorinte 4:4), “umphathi weli hlabathi” (uYohane 12:31) olawula eliphakade liwileyo (1 kaYohane 5:19). AmaKristu aphila kwihlabathi elilawulwa nguSathana. Singamajoni abekwe kumhlaba wotshaba, sihlala kwilizwe elithinjiweyo.

Okwesibini, umtyholi umfamekisa iingqondo zethu kwinyaniso.

“Ulixoki noyise wabo ubuxoki” (uYohane 8:44). Yiyo lonto umntu ongekawufumani umoya oyingcwele engenako ukuziqonda izinto zikaThixo (1 KwabaseKorinte 2:14). Usathana ufuna ukuxhwila imbewu yelizwi ezintliziyweni ezilidinga ngakumbi (jn. UMatewu 13:1–9).

Okwesithathu, uSathana uyaxoka ngelizwi likaThixo.

Ukusuka kuGenesis 3 ukuzakutsho ngoku, ugqwetha inyaniso yesibhalo ukuze asilahlekise. Lowo wacaphula eBhayibhileni ngeenjongo zokuhenda uYesu (UMatewu 4:1–11) Unokulisebenzisa gwenxa ilizwi likaThixo ukuze asihende nathi. Akusiyiyo yonke into esiyiva ifundiswa njengenyaniso kaThixo yiyo ngokwenyani. Utshaba lwethu lungachonga esibhalweni ukogqitha thina kodwa oko ekwenzela isiphelo esingcolileyo.

Okwesine, umtyholi ngu “mbulali kwasekuqaleni” (UYohane 8:44).

USathana ugquma njengengonyama. Uyajikeleza; uzingela umntu angamqwengayo (1 Peter 5:8). Abo basebenzela injongo yakhe babandakanyeka kuhlaselo ngokwasemzimbeni, ngokweemvakalelo, nangokwesondo bezenza ezonto kwabanjengabo kwakunye nalapha kuthi. Inkosi yabo ifuna nje ukutshatyalaliswa koluntu luphela ingakumbi abantu bakaThixo.

Okwesihlanu, USathana ulawula amadimoni.

Asebenza njengeqela lakhe kunye namajoni akhe ahamba ngeenyawo kwimfazwe yakhe eqhubekayo esilwa noNdikhoyo noonyana bakhe.

Eneneni, uSathana umchasile uThixo.

Ku Yohane 8, waphembelela iinkokeli zonqulo ukuba zifune ukufa kukaYesu. Emva koko wabakhokelela ekubetheleleni iNkosi yethu.

USathana unxamnye noThixo ngandlela zonke:

  • INkosi yethu ikukukhanya; USathana bubumnyama.
  • UThixo ungcwele, ungumlilo odlayo; umtyholi unesono, uyagulisa, uyagula.
  • UThixo unguMoya; uSathana yinyama engacocekanga.
  • UThixo uyakuthanda; uSathana ukuthiyile.
  • UThixo wanikela ngoNyana wakhe ngenxa yakho; uSathana angawuthabatha umphefumlo wakho.
  • UThixo nguYihlo; usathana lutshaba lwakho.

USathana ukhona, kodwa ungaze ulibale: ukuba woyisiwe.

Usuku 1Usuku 3

Malunga nesi Sicwangciso

Can I Really Overcome Sin and Temptation?

Ngaba wakha wazibuza, ukuba “Kutheni ndisajijisana nesi sono?” Kwanompostile uPawulos wathetha njalo kwabaseRoma 7:15: “Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza.” Sisinqanda njani isono ekubeni sithintele ubomi bethu basemoyeni? Ngaba kunako ukwenzeka? Masixoxe ngesono, isihendo, uSathana, kwaye, ngombulelo, ngothando lukaThixo.

More

Sithanda ukubulela uDenison Forum ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: http://www.denisonforum.org