Ngaba Ngokwenene Ndinokusoyisa Isono Nesilingo?Isampulu
Kungathini kanti sele ndinikezele ekulingweni?
Kungathini ukuba sele ndishiywe lixesha?
Ulwe nesihendo ngamandla akho—waza woyisakala.
Ngoku unetyala phambi kweNkosi engcwele yendalo iphela.
Sele sisuka sonke: “Xa sithi asinasono siyazikhohlisa, asinanyani mpela” (1 kaYohane 1:8).
Nantsi into esiyenzayo: “Kodwa ke, ukuba siyazivuma izono zethu, uThixo uthembekile, ulilungisa; wosixolela izono zethu, asihlambulule kuko konke ukungalungisi.” (v. 9).
Yisa isono sakho kuTata wakho—ngoku.
Vuma ubugwenxa bakho, uguquke ekusileleni kwakho, uze ucele uxolo kuye.
Banga isithembiso sakhe sokuxolela iimpazamo nezono zakho, ukusula isileyiti sakho kwaye angaphindi azikhumbule iimpazamo zakho.
Ngaba ukuxolelwa nguThixo kuthetha ukuba sinokusuka sone size sivume, size siphinde sone kwaye sivume rhoqo?
Hayi ngaphandle kwesiphumo.
Ndingabethelela isikhonkwane emthini, yaye unokusikhupha—kodwa umngxunya uzakuhlala uhleli. Ukuthobela okwaliweyo akunakuphinda kufumaneke. Umvuzo wokuthembeka unako ukulahleka ngonaphakade.
UThixo uyaxolela, kodwa intlungu yesono sethu isebuhlungu—kuthi nakubanye abantu.
Noko ke, sinokuxolelwa nguLowo uNyana wakhe wafayo endaweni yethu ukuze ahlawule ityala lethu: “Ke yena uThixo ukuqondakalisile ukusithanda kwakhe ngokuthi uKrestu asifele sisengaboni!” (kwabaseRoma 5:8).
Ukuzigweba asinto kaThixo.
UBawo wethu ulithanda lonke ilungu losapho lwakhe. Kwaye sisengabantwana bakhe, nangona singaziphathi njalo ngamanye amaxesha.
Ubabalo kukufumana into engasifanelanga; inceba ayikukufumana oko sikufanelweyo.
UBawo wethu osezulwini usinika zombini.
Ngaba kufuneka uvule isipho sakhe sokuxolelwa namhlanje?
Ukuba kunjalo, musa ukulinda. Thetha kuYise wakho osemazulwini. Ulangazelela ukuva kuwe, mntwana wakhe amthandayo.
---
Ukufunda ngakumbi malunga nokoyisa isono kunye nesilingo, khuphela isahluko sokuqala sencwadi kaGqr Denison, 7 Deadly Sins, simahla.
Malunga nesi Sicwangciso
Ngaba wakha wazibuza, ukuba “Kutheni ndisajijisana nesi sono?” Kwanompostile uPawulos wathetha njalo kwabaseRoma 7:15: “Kuba oko ndikwenzayo andikwazi mna; kuba endikuthandayo, oko andikwenzi; endikuthiyayo, oko ndiyakwenza.” Sisinqanda njani isono ekubeni sithintele ubomi bethu basemoyeni? Ngaba kunako ukwenzeka? Masixoxe ngesono, isihendo, uSathana, kwaye, ngombulelo, ngothando lukaThixo.
More