Phila ngamandla nobukhalipa!Isampulu

Phila ngamandla nobukhalipa!

Usuku 3 LWE 8

UNozakuzaku weZulu – uMoya oyiNgcwele

Unozakuzaku ngummeli karhulumente ngokusesikweni othunyelwa kwelinye ilizwe ukuya kuhlala nabantu balapho, afeze umsebenzi woxolo nenkoleko. Ufezekisa imisebenzi ngegunya, ububele namandla orhulumente ammeleyo. Ngokuthenjwa okukhulu, ufeza injongo yakhe ngesidima kuse ekuphethweni kwayo.

Ngeendlela ezininzi, umsebenzi kaMoya oyiNgcwele ufana nokanozakuzaku ovela eZulwini. UMoya oyiNgcwele uqulathe lonke igunya nobuqili bukaThixo, kwaye ubonisa atyhile uthando lukaThixo kuye wonke umntu osehlabathini ngobukho namgomsebenzi wakhe.

Xa ixesha likaYesu nabafundi bakhe lalisondele ekupheleni, wathi kubo abasayi kushiyeka bodwa akuba emkile. Wabaxelela ngoBani oza kuthunyelwa egameni lakhe ukuze abe nabo, abakhokele, abafundise, abathuthuzele kwaye ahambe nabo phambili – nguMoya oyiNgcwele ke lowo. UYesu wathi:

“Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.” UYOHANE 16:7

Wakuba umsebenzi kaYesu ehlabathini ugqityiwe, wathumela uMoya oyiNgcwele abe nathi athathe indawo yakhe de abuye kwakhona. UMoya oyiNgcwele unika isikhokelo, ubunkokeli, intuthuzelo necebo ebomini bethu. UYesu uMoya oyiNgcwele wamchaza kanje kubafundi bakhe:

“Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.” UYOHANE 14:26

UThixo Unathi namhlanje enguMoya oyiNgcwele, kwaye usebenza ngamandla kwilizwe lwethu nasebomini bethu.

Usuku 2Usuku 4

Malunga nesi Sicwangciso

Phila ngamandla nobukhalipa!

Akuwedwanga. Akukhathaliseki nokuba unosuku olunye okanye iminyaka e30 ulikholwa, le nyaniso ayigungqi malunga nantoni na enokuba ngumngeni kuthi ebomini. Funda indlela yokwamkela ngamandla uncedo lukaThixo kwesi sicwangciso.

More

Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/