Phila ngamandla nobukhalipa!Isampulu
Wenza Imilo Yokukunceda Ukhule
Imilo entle asinto sifane siyamkele nje kunye nosindiso, kodwa yinto efundwayo nephuhliswayo ngokuhamba kwexesha. Ukusincedisa sibe nemilo efana nekaKrestu yenye yeenjongo eziphambili zikaThixo. UMoya oyiNgcwele usinceda sifane ngakumbi noYesu ngokuseka nokuphuhlisa imilo yakhe kuthi. IBhayibhile le nto iyibiza iSiqhamo soMoya.
“Ke zona iziqhamo zoMoya: luthando, novuyo, noxolo; umonde, ububele, ukulunga, nentembeko; 23ubulali, nokuzeyisa. Awukho ke umthetho ochasa izinto ezinjengezi.” KUMAGALATI 5:22-23
Xa siphakathi kwemingeni, ngamanye amaxesha sizama ukoyisa imbandezelo ngamandla ethu. Ngokwenjenjalo, singade sihendeke sigxobhe nemilo yethu yobuKrestu ukuze sidlule kwiinzima zethu, okanye “sinqumle.” Kodwa xa sicela amandla kaMoya oyiNgcwele usincede sinyamezele kude kube sekupheleni, loo nto nakanjani siyenze ngesidima, inyaniso nangokunyaniseka.
Ngamaxesha empumelelo, kwaloo migangatho minye yeBhayibhile kufuneka ingonakaliswa. Ukuzingca kwanekratshi kungqubana ngqo nemilo yobuKrestu uThixo afuna siyiphuhlise ebomini bethu. Eneneni, ululamo yinto efunekayo kuye wonke umKrestu ukuze aqhubekeke esamkela unyuselo nguThixo.
“Banoyolo abo balulamileyo, kuba baya kwabelwa ihlabathi nguThixo bona!” UMATEWU 5:5
Njengoko sijongene nemingeni nempumelelo ngemilo efana nekaKrestu, siqalisa ukukhula kuhambo lwethu noThixo. Side siqalise ukubona ukuba ukusebenza kwiSiqhamo soMoya ekugqibeleni kuyasisebenzela nozuko lwakhe kananjalo. Ngokumana sikhula kuhambo lwethu noThixo, uThixo usisikelela ngakumbi ebomini bethu!
IsiBhalo
Malunga nesi Sicwangciso
Akuwedwanga. Akukhathaliseki nokuba unosuku olunye okanye iminyaka e30 ulikholwa, le nyaniso ayigungqi malunga nantoni na enokuba ngumngeni kuthi ebomini. Funda indlela yokwamkela ngamandla uncedo lukaThixo kwesi sicwangciso.
More
Sithanda ukubulela Twenty20 Faith, Inc. ngokusinika esi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda undwendwele: https://www.twenty20faith.org/