1
1 KWABASETESALONIKA 5:16-18
IBHAYIBHILE
Vuyani maxa onke, nithandaze njalo-njalo. Nakuyiphi na imeko bulelani. UThixo uthanda ukuba nenjenjalo njengokuba nimanywe noKrestu Yesu nje.
Thelekisa
Phonononga 1 KWABASETESALONIKA 5:16-18
2
1 KWABASETESALONIKA 5:23-24
Wanga ke uThixo osinika uxolo anganenza nyulu ngeendlela zonke, anigcine ngokupheleleyo, umoya nomphefumlo nomzimba, ningabi nabala ekufikeni kweNkosi uYesu Krestu. Uthembekile lo unibizayo; uya kuyenza yonke le nto.
Phonononga 1 KWABASETESALONIKA 5:23-24
3
1 KWABASETESALONIKA 5:15
Makungabikho bani ubuyekeza ububi ngobubi, kodwa maxa onke zamani kangangoko ninako ukulungiselelana, nibanceda bonke abantu.
Phonononga 1 KWABASETESALONIKA 5:15
4
1 KWABASETESALONIKA 5:11
Ngoko ke, njengoko senenjenjalo kakade, khuthazanani, nakhane omnye nomnye.
Phonononga 1 KWABASETESALONIKA 5:11
5
1 KWABASETESALONIKA 5:14
Ndiyanibongoza, mawethu, bakhalimeleni abanxaxhayo, nibakhuthaze abatyhafileyo, nibasekele ababuthathaka, nibaphathe ngomonde xa bebonke.
Phonononga 1 KWABASETESALONIKA 5:14
6
1 KWABASETESALONIKA 5:9
Kuba kaloku uThixo akasinyulelanga ingqumbo, usinyulele ukuba sizuze usindiso ngoYesu Krestu iNkosi yethu
Phonononga 1 KWABASETESALONIKA 5:9
7
1 KWABASETESALONIKA 5:5
Nina ningabantu bokukhanya, abantu abahamba emini. Thina asibantu bahamba ngobusuku, emnyameni.
Phonononga 1 KWABASETESALONIKA 5:5
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo