Uguqulo Lonyana Wolahleko kunye noKyle IdlemanIsampulu

Prodigal Son Transformation With Kyle Idleman

Usuku 1 LWE 7

“Iresiphi yeAHA”

Unkosikazi wam unale ncwadi yokupheka ekhaya, isipho somtshato wethu. Ibizwa ngokuba “Incwadi yokupheka ngeZithako eziNtathu.” Uzakufuna ndikuxexele ukuba akavamanga kuyisebenzisa. Xa epheka, kudla ngokubakho izithako ezingaphaya kwesithathu. Inyaniso yeyokuba ndingoyena uyisebenzisa kakhulu lencwadi “Incwadi yokupheka ngeZithako eziNtathu.”

Manqapha-nqapha ndivumelekile ukungena ekhitshini, lencwadi yokupheka ibangumhlobo wam, ngoba enyanisweni, andikwazi ukugqitha kwizithako ezintathu xa ndipheka. Enye yezinto endiyifunde ngendlela engamnandanga kukuba xandisebenzisa Incwadi Yokupheka ngezithako Ezintathu, zonke izithako zibalulekile—hayi, kunyanzelekile zifakwe.

Yeyona nto ingentlanga ngalencewadi. Awukwazi ukulova. Ukuba usebenzisa izithako ezimbini kuphela, ayisebenzi kakuhle.

Kukwanjalo nakumava e-AHA.

Ndiye ndaphulaphula amatyeli alikhulu—ukuba ingengawo amawaka— amava abantu e-AHA kwiminyaka edlulileyo. Ndiye ndafunda ngamava amaninzi otshintsho lwabantu ababalulekileyo eBhayibhileni. Ngokuhambelana okumangalisayo, i-AHA ihlala inezithako ezintathu. Ukuba kukho enye yezi zithako ethe yalahlekileyo, iyayishunqula inkqubo yenguqu:

(1) Ukuvuka Ngesiquphe (2) Ukunyaniseka Okungenalusini (3) Inyathelo elikhawulezileyo (Awakening, Honesty, Action = AHA. Ukuvuka, Ukunyaniseka, Isenzo)

Ukuba kukho ukuvuswa kunye nokunyaniseka, kodwa akukho senzo, ngoko i-AHA ayenzeki.

Ukuba kukho ukuvuswa kunye nesenzo, kodwa ukunyaniseka akuhoywa, i-AHA iya kuhlala ixesha elifutshane.

Kodwa xa iLizwi likaThixo kunye noMoya oyiNgcwele usizisa ezi zinto zintathu ebomini bakho, uya kufumana i-AHA—umzuzu onikwe nguThixo oguqula yonke into.

* Ngaba uwulungele umzuzu we-AHA okutshintshayo? Ngaba uzimisele ukuhamba ngalamanyathelo mathathu kule nkqubo?

Usuku 2

Malunga nesi Sicwangciso

Prodigal Son Transformation With Kyle Idleman

Kuthathwe kwincwadi yakhe ethi "AHA," joyina uKyle Idleman njengoko efumanisa izinto ezi-3 ezinokusisondeza kuThixo kwaye zitshintshe ubomi bethu ngendlela elungileyo. Ngaba ukulungele ukuchitha umzuzu noThixo otshintsha yonke into?

More

Sithanda ukubulela uDavid C Cook ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: http://www.dccpromo.com/aha/