Uguqulo Lonyana Wolahleko kunye noKyle IdlemanIsampulu

Prodigal Son Transformation With Kyle Idleman

Usuku 6 LWE 7

“INYATHELO – Lixesha lokuvuka”

Intshukumo kulapho uninzi lwethu luxinga khona. Siyayazi into ekufuneka yenziwe, siphumile eqongeni, kodwa asikwazi nje ukushukuma. Yinto enye ukuvuka kunye nokuba sinyaniseke malunga noko kufuneka sikwenze. Yinto enye ngokupheleleyo ukuthatha umtsi. KuLuka 15:20 sifunda ibinzana elilula elaguqula ibali loNyana wolahleko. Wasuka nje uYesu wathi: “Waphakama ke…”

Wathabatha amanyathelo ngoko nangoko. Waqonda ukuba lixesha lokuba avuke. Kwafika ixesha lokwenza into. Kwaye ngaphandle kokuba ibali lethu lifundeka, "Ngoko wavuka umntu oyindoda" okanye "Ngoko wavuka umntu olibhinqa," ngoko akukho nto itshintshayo.

Kulapho i-AHA ixinga khona kuninzi lwethu. Sinomzuzu wokuvuka, side sifumane amandla okunyaniseka ngokungenalusini, kodwa aside size senze into eyahlukileyo. Sichitha ixesha elininzi lobomi bethu sibambekile phakathi kokunyaniseka nesenzo.

Unokuba ufunda oku kwaye ucinga, "Ndivumelana nawe, kodwa andiziva ndifuna ukwenza nto ngalonto.”

Ingavakala ibanda, okanye ikruqula nje kancinci; nangona kunjalo, inyaniso kukuba kufuneka sithobele uThixo naxa singaziva njalo. Xa sithobela uThixo nangaphandle kwenkuthazo yokwenjenjalo, imizwa yethu ileqeka emva kwezenzo de zihambe kunye.

Jonga emva kwisicwangciso sakho sotshintsho ekufuneka ulwenzile. Mhlawumbi ulwenzile uluhlu ngaphambili, nokuba kusephepheni okanye engqondweni yakho, kwaye uyazi ukuba yintoni na ekufuneka uyenzile. Chaza inyathelo lokuqala, kanye njengokuba wenzayo uNyana wolahleko xa wathi, “Ndiya kugoduka ndiye ndithi kubawo…” Wayeyazi into ekwakufuneka ayenze, ibe wayenza. Fumana inyathelo lakho lokuqala kwaye usebenze kulo ngoku, nokuba uyafuna okanye awufuni. Yaye usenokufumanisa ukuba, ngoncedo lukaThixo, izenzo ezibonakala zingeyonyani ekuqaleni zinokuhamba zihambe zibe zezokwenyani.

* Ngaba uvusiwe, kwaye unyanisekile kuwe, kodwa ke awuzange uhambe ngesenzo esiyimfuneko? Leliphi inyathelo lokuqala onokulithabatha ukuze uqalise eso senzo?

IsiBhalo

Usuku 5Usuku 7

Malunga nesi Sicwangciso

Prodigal Son Transformation With Kyle Idleman

Kuthathwe kwincwadi yakhe ethi "AHA," joyina uKyle Idleman njengoko efumanisa izinto ezi-3 ezinokusisondeza kuThixo kwaye zitshintshe ubomi bethu ngendlela elungileyo. Ngaba ukulungele ukuchitha umzuzu noThixo otshintsha yonke into?

More

Sithanda ukubulela uDavid C Cook ngokubonelela ngesi sicwangciso. Ngolwazi oluthe vetshe, nceda utyelele ku: http://www.dccpromo.com/aha/