Uguqulo Lonyana Wolahleko kunye noKyle IdlemanIsampulu
“UKUVUSWA – Ukuphelisa Iindlala”
Kungentsuku ziyaphi ndikhe ndafunda ngovavanyo olwenziwe sisazi sengqondo uJonathan Haidt. Uze nomsebenzi woqikelelo omangalisayo, owenzeke oluhlobo:
Abathathi-nxaxheba banikwe isishwankathelo sobomi bomntu kwaye bacelwa ukuba basifunde. Emva koko abathathi-nxaxheba bacelwa ukuba bacinge ngongathi lomntu yintombi yabo. Eli libali lobomi bakhe obungenakuthintelwa. Akakazalwa okwangoku, kodwa kungekudala uyakuzalwa, kwaye elibali kulapho ubomi bakhe buya khona. Abathathi-nxaxheba babenemizuzu emihlanu yokuhlela ibali lakhe. Irabha esandleni, banokususa nantoni na abangayifuniyo ebomini bakhe.
Umbuzo wabathathi-nxaxheba wawusithi: Yintoni oyicima kuqala?
Uninzi lwethu luya kuthi ngethuku nangenkangeleko luqalise ukucima isiphene sokufunda kunye nengozi yemoto kunye nengxaki yemali. Siyabathanda abantwana bethu kwaye sifuna baphile ubomi obungenabo obo bunzima, iintlungu kunye nezithintelo. Sonke singathanda ukuba ubomi babantwana bethu bukhululeke kwiintlungu kunye neentuthumbo.
Kodwa khawuzibuze: Ngaba oko kokulungileyo ngokwenene?
Ingaba ngokwenene sicinga ukuba ubomi obunamathamsanqa nobungena zaqhwithe buzakwenza abantwana bethu bonwabe? Ungathini xa unokususa imeko enzima ezakubenza baguqe ngamadolo emthansazweni? Ungathini kanti ususa imeko ezakbafundisa ukonwaba ngokwenene nokuba iimeko zithini? Ungathini kanti ususa intlungu nentlupheko ezakuba bangela bakhale kuThixo ngesiquphe nangokukhawuleza? Ungathini kanti ususa imeko enzima ebavusayo ibabonise injongo kaThixo ngobomi babo?
Kusenoku vakala kurhabaxa ukutsho, kodwa undoqo onegalelo ekukhuleni ngokomoya asizo ntsumayelo, iincwadi okanye amaqela enkonzo; undonqo onegalelo ekukhuleni ngokomoya ziimeko ezinzima. Ndiyakwazi ukuxelela oku ngoba ndinamava, ndilufundile uphando ngokukhula ngokomoya, kwakunye neengxelo ezingeziganeko emva kokuthetha namawaka abantu kuleminyaka igqithileyo. I-AHA phuma ekubandezelekeni, ekuphazamisekeni, nasezingxakini zobomi. Abantu abaninzi bakhomba ezozehlo njengezona zibangele ukuvuka ngokomoya.
* Ngawaphi amaxesha ebomini bakho othe wanamava okukhula ngokomoya? Ngaba yayingamaxesha entabalala, okanye yayingamaxesha anzima? Ngaba uThixo uzama ukukhulisa ngoku ngovavanyo okanye ngeemeko ezinzima?
Malunga nesi Sicwangciso
Kuthathwe kwincwadi yakhe ethi "AHA," joyina uKyle Idleman njengoko efumanisa izinto ezi-3 ezinokusisondeza kuThixo kwaye zitshintshe ubomi bethu ngendlela elungileyo. Ngaba ukulungele ukuchitha umzuzu noThixo otshintsha yonke into?
More